Ide yafika naseNtsika Yethu i-IFP

Uthembisa ngokubuguqula ngokucacileyo ubomi babantu bakwaWadi 8 kumasipala waseNtsika Yethu umbutho weInkatha Freedom Party ngethuba uqala iinkqubo zawo zokukhankasela unyulo.

Umgqatswa walo mbutho eNtsika Yethu uNoxolo Peter uthi uzazi kakuhle iingxaki zabantu bakwawadi 10 eNtsika Yethu.

“Ndiyinxalenye yeenkqubo zophuhliso zalapha, kwaye andithethi ngezinto endiseza kuzenza, kodwa ndenze izinto kule ndawo ndiphuhlisa abantu, ukufuywa kwenkukhu,” uthethe oko uPeter.

Uthi iinkosi zala ndawo aziyinikwa imbeko eziyifaneleyo kwiinkqubo zophuhliso eNtsika Yethu, kwaye yena uzakuguqula yonke lo nto.

“Xa kusiza iinkqubo zophuhliso apha ziza zikhokelwe ngabantu abafika apha bangahloniphi ezi Nkosi zihlala apha, kodwa zizo ezisondeleyo ebantwini, thina sizakutshintsha yonke lo nto sinike iinkosi imbeko yazo,” utshilo.

Le nkokeli yenze eli phulo iphahlwe ziinkokheli zombutho weIFP kuzwelonke, eziquka uGqirha Cedric Xulu noNkosi Qina Mkhwanazi.

“Ngaphandle kwezi nkokeli zivela kundlunkulu weIFP besinazo iinkosi zale ndawo eziquka uNkosi Vulindlela Ndondo kunye noNkosi Gcinubuzwe Ncwane balapha ewadini,” utsho uPeter.

UPeter uzimanye nombutho weIFP ngonyaka ka2010 ngethuba lo mbutho wawutyelele eNgcobo kweli leMpuma Koloni. Le nkokeli ithi izakuzama ukuqhubela phambili inkqubo ebesele ziqhubeka kula wadi ukuze buphucuke ubomi babantu.

“Sinemihlaba ebanzi apha ehleli nje engalinywayo, sizakulima sivelise ukutya batye abantu bathengise nokuthengisa butshintshe ubomi babo,”utshilo uPeter.

Uthi abakholelwa ukuba bungaguquka nangaphezulu ubomi babo xa benokunika eminye imibutho ithuba lokulawula.

Umbutho weIFP ngomnye wemibutho emidala kweli loMzantsi Afrika ongenankxaso kwezinye iindawo zelizwe loMzantsi Afrika.

“Sinawo thina amalungu namasebe eMthatha naseNgcobo, kwaye iyakhula inkxaso yethu kwezi ndawo ngamandla,” uthethe oko uPeter.

Umasipala waseNtsika Yethu ukumasipala wesithili saseChris Hani nalapho umbutho weANC uphethe kuninzi leendawo zalo masipala wesi sithili.

Imibutho yezopolitiko kweli iyaphithizela ikhangela inkxaso yokugqibela nanjengoko kuzakuba kuvotwa kwiveki ezayo ngoLwesithathu.