Idemeshe yeR11 million emva komlilo waseBeacon Bay

Umonakalo odalwe ngumlilo otshise eBeacon Bay eMonti ngoMvulo IMIFANEKISO: ITHUNYELWE

UMLILO oqhambuke kwizindlu eziseBush Willow Drive eBeacon Bay ngoMvulo ubangele idemeshe exabisa izigidi ezilishumi elinanye zeerandi (R11 million).

 

Lo monakalo kurhaneleka ukuba uphenjelelwe ngumlilo wamadlelo odalwe ngamaqondo obushushu aphezulu nanjengoko bekutshisa kakhulu eMonti ngoMvulo.

 

Isithethi kumasipala waseBuffalo City uSamkelo Ngwenya uthi zizindlu ezintathu ezithe zachaphazeleka kulo mlilo. Eyesine ayitshanga kuyaphi, nanjengoko itshe nje kwindawo yokojela inyama.

 

“Kuthathe abacimimlilo abalishumi besebenzisa iinjini ezimbini kuquka nesixhobo esiphephezela phezulu ukucima lo mlilo,” utshilo uNgwenya esithi akukho mntu othe wonzakala kulo mlilo.  

 

UNgwenya ulumkise uluntu lwalo masipala ukuba luhlale luqaphele xa luphosa izinto emadlelweni. “Sikwakhuthaza abantu ukuba bakhawuleze bafowunele ku 043 705 9000 xa bebona umlilo, ukunqanda umonakalo omkhulu,” utshilo uNgwenya.

 

Lo kaNgwenya ukwathe ezinye zeendawo ezithe zachatshazelwa yimililo ngoMvulo ziquka iKaisers Beach, N2 Freeways kwaneBuffalo Flats.