‘Idesika kaInathi ishiyeke isisikhumbuzo esibuhlungu’

 

Idesika kaInathi Abukwe Mhlahlo (6) ishiyeke isisikhumbuzo esibuhlungu egumbini ebefundela kulo apho ebesenza khona uGrade1 wakhe. Oku kudizwe ngutitshalakazi wakhe izolo kwinyambalala yoluntu ebizalise ibala lezemidlalo kwaNU.10 eMdantsane ngethuba ethetha phezu kwebhokisi yakhe kwinkonzo yomngcwabo wale ntwazana.

UInathi ubhaqwe sele ebhubhile ngoMvulo kwiveki ephelileyo ngumntu obezihambela ngakumatyotyombe angekudanga nekhaya lakhe. Ubhaqwe enenxebakazi emqaleni kwaye edlwengulwe. Wayeyokuthenga iilekese evenkileni ekufutshane nakowabo naqhele ukuya kuyo umhla nezolo. Akazange abuye emva kwexesha elide, nto leyo yaqala ukuxhalabisa usapho.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane nobekulo mngcwabo izolo, uthe esi sehlo sehlele eli khaya, sokubulawa kosana, sihlokomise ilizwe lonke.

“Umama womntwana, uThandiwe, uthethe kwahlaba kum entliziyweni ngethuba esithi intwazana yakhe ibifuna ukuba ngunobuhle okanye ugqirha. Ziingcinga ezisincumisayo ezo singabazali xa bezithetha abantwana bethu.

“Silapha nje iintliziyo zethu zilihlwili, sinesingqala. Ayithetheki intlungu eviwa leli khaya ngalo eli xesha. Sizokucuntsula kwintlungu yenu, nikwingcinga nakwimithandazo yethu yokuba uThixo anomeleze, athomalalise intlungu yenu.

Akululanga ukuma phambi kweentsapho eziphulukana nezizalwane ngolu hlobo, kuba nathi sinabantwana esingethandi bathathwe kuthi phantsi kweemeko ezifana nale athathwe ngayo uInathi,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi bazibuza umbuzo ongenampendulo othi, kanti siyintoni isono sabantu abangoomama nabantwana le nto kucaca ukuba bahlelele ukubangamaxhoba okudlwengulwa nokubulawa.

Lo mngcwabo uzinyaswe ngamanina ombutho weANC, isipolisa, abaphathiswa kwakunye noosomashishini abafana noMandla Phakamile Makinana kwakunye nemvumi eyaziwayo uBetusile Mcinga, nobepholisa amanxeba ngomculo wakhe.

Indoda erhanelwa ngabahlali ukuba yiyo ebulele uInathi, ibethwe yabulawa ngabahlali eMdantsane.