Idinga uncedo lwakho imveku ekhubazekileyo

Umfanekiso obonisa umntwana okhubazekileyo nodinga uncedo umfanekiso: uthunyelwe

USizwe Kupelo ungenelele kusizi lomntwana okhubazekileyo oshiywe ngunina kubazali botata womntwana eMkhankatho eLibode.

Lo mntwana, okhubazeke kwinyawo lasekunene ushiywe ngunina wakhe kwikhaya likatata kuba unina esithi akanamali yokumondla.

UKupelo, ongumseki weSizwe Kupelo Foundation ze aphinde abesisithethi kwisebe lezempilo eMpuma Koloni, uthi lo mntwana ushiywe kuninakhulu ngumama wakhe kwaye xa ebuzwa umam’ omntwana ukuba kutheni eshiya umntwana kulo nina, uxelele olu sapho ukuba akanamali yokondla umntwana. Unina womntwana kuvakala ukuba ngowaseZinkumbini kwaseLibode.

“Umntwana akanankcukacha zokuzalwa kwakhe futhi akasifumani nesibonelelo semali karhulumente, kwaye ukwafuna utyando apha kumlenze lo okhubazekileyo,” utshilo uKupelo.

UKupelo ubongoze uluntu, edomboza, ecela ukuba abo banokunceda lo mntwana uneenyanga ezilithoba ngeempahla, iithoyi zokudlala, amanaphukeni nokunye.

UNoluvo Mbelana ongumolokazana kumakhulu oshiywe nolu sana uthi ibakhwankqisile into yokuvele kuyokubekwa umntwana, ashiywe. UMbelana uxelele I’solezwe ukuba utat’ omntwana ungumntu osafuna umsebenzi.

Onomdla wokuphosa esivivaneni angatyelela kwezi ndawo: kwanombolo 14A Greenville St , Berea , East London okanye kwanombolo 51, The Mall, Madeira Street, Mthatha.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za