Idlale ngam iCOPE, itsho indoda yakuGatyana

“Kudlalwe ngam yiCongress of the People (COPE). Bendisetyenziswa okwethutyana ekubeni ndigaye inkxaso futhi ndifunele lo mbutho abalandeli kulo mmandla, kodwa ndalityalwa xa kusabiwa izitya.”

Lawo ngamazwi kaLizwi Nyembezi waseWeza kuGatyana.

UNyembezi uthi emva komsebenzi onzima esebenzela eli qela, igama lakhe alibonakali nakancinci kuluhlu labangagqatswa bobuceba eMbhashe.

“Bandithathe ithuba kuba ndingumntu okhutheleyo oyithandayo inkqubela kwanophuhliso elalini yam ngokuba abantu bale ndawo bandithembile, abantu beCOPE basebenzise mna ngokufumana iivoti ngotshintsho lwam. Asiyonto yokuba ndinguzwilakhe elalini yam kodwa ndithi ndakuthetha umahluko wenzeke ndimameleke eluntwini,” kutsho uNyembezi.

UNyembezi uthi ebesele eyeke namashishini akhe esebenzela lo mbutho.

“Eyona nto esele indihlupha kukuba ndiyafana nokhohlise abantu bakuthi njengoko bendingena umzi nomzi ndithethelela lo mbutho

“Ngoku abanye basashiyeke bendibuza imibuzo nam endingakwaziyo ukuyiphendula. Ndidane kakhulu yile nto,” utshilo uNyembezi.

Ilungu eliphezulu kwiCOPE eMbhashe uNkosinathi Ndlodaka uthi wayelifakile igama likaNyembezi kuluhlu labagqatswa, kodwa akayazi ukuba kwenzeke ntoni. “Mna ndawenza owam umsebenzi, ukuba likhutshwe ngubani eligama andazi. Yinto embi ukuphulukana nomntu osebenza nzima njengotat’ uNyembezi.”