Idlwengula amakhwenkwe inkokheli yeANC

Zintsapho ezingaphezu kweshumi ezigcuma zintlungu zisoyikiswa yindoda ethe gqolo ukulala abantwana abangamakhwenkwe eMthatha.

Uninzi lwamaxhoba aluvumi kuthetha kuba abanye kubo bathengwa ngemali, logama abanye baxelelwa ukuba baza kubulawa ukuba bakhe bathetha.

Isiganeko sokugqibela sokulalwa kwabantwana yile ndoda senzeke ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMnga ka2017, kwinkwenkwe eminyaka elishumi elinesihlanu.

Unina wexhoba nexhoba balibalekile ikhaya ngenxa yokugrogriswa komntwana esikolweni, elalini kugrogriswa nonina lusapho lomtyholwa. Ngenxa yoku unina wexhoba wonganyelwe luxinzelelo lwengqondo, kodwa uvumile ukuthetha.

“Wafika ekhayeni lo mntu ngorhatya ndingekho ndisesibhedlele eThekwini, wacela unyana ukuba amkhaphe ngemoto yakhe, uthi ke unyana baya kufika ngakwihlathi elithile,” ucacise watsho umama wexhoba.

Ingxelo ithi le ndoda ixelele eli xhoba lokugqibela ukuba iyalithanda emva kokumbuza ngentlalo yakokwabo. “Wamisa imoto wandicela ukuba ndiqhube, waqalisa ukundiphathaphatha, esithi masithandane, uyandithanda, angandithengela ifoni ephucukileyo, angandifundisa kwizikolo eziphucukileyo, angakhela umama wam indlu ephucukileyo,” licacise latsho ixhoba.

Le ndoda inyanzele eli xhoba ukuba lisele iwayini enxilisayo, lalandula ixhoba, kodwa kamva ixhoba lide layisela iwayini enxilisayo.

“Ndiye ndamisa imoto sele endiphathaphatha yonke indawo, endincamisa ngenkani, endibamba apha ngaphambili, ngenxa yokundincamisa kwakhe ndiye ndemkelwa zingqondo,” licacise latsho ixhoba.

Ngeli xesha lokushiywa zingqondo kwexhoba lo mtyholwa ulikhulule iblukhwe ixhoba wazenzela kulo. “Ndothuke emva kwexesha iblukhwe yam ivulekile, isemazantsi, ndaqaphela ukuba ikhona into eyenzekileyo kum, ndifune ukuphuma emotweni yakhe, akavuma endithembisa ngokundibulala,” litsho ixhoba.

Ingxelo ezimbini zoogqirha abohlukeneyo zithetha izinto ezahlukeneyo.

“Omnye ugqirha andithandabuzi ukuba ubhatelwe kuba akaniki zinkcukacha zicacileyo, omnye wesibini ugqirha ungqinile ukuba umntwana udlwengulwe,”utshilo unina wexhoba.

Amanye wamaxhoba athethe athi. “Wasibiza siliqela lamakhwenkwe esithi ufuna itshomi yethu, sakhupha iimela zethu sonke samxelela ukuba siza kumhlaba, kuba siyamazi ukuba ulala amakhwenkwe, ngenxa yokoyika wasinika ikhadi lebhanki esithi masiye kukhupha imali, asizange sivume, wasinika amakhulu amabini eerandi,” litshilo elinye ixhoba.

Ingxelo kagqirha kwixhoba lokugqibela ichaza ukuba eli xhoba lifumene isifo ugawulayo.

“Akasakuthandi ukutya, usoloko ekhala ngeentlungu ezilapha ezantsi esiswini sakhe, ukuba uhleli esitulweni uhlala ngecala, ugqirha uthi unesifo ugawulayo,” utshilo unina wexhoba.

INkosi yale ndawo ityholwa ukuba ingumhlobo omkhulu wale ndoda.

“Siyile eNkosini yasixelela ukuba lo mtyholwa ngumhlobo wayo omkhulu, akaphilanga, akanakukwazi ukujongana nengalo yomthetho,” utshilo umama wexhoba.

Ubungqina bokufakwa kwetyala emapoliseni aseBityi bukho kweli khaya lexhoba lokugqibela.

“Abecuphi ababefike apha basixelela ukuba ixhoba alikwazi kucacisa ukuba kwenzeka ntoni kulo, kwaye newayini waziselela enganyanzelwanga,” utshilo umama wexhoba.

Le nkosikazi ibaleke kwikhaya layo lokuzalwa yanyanzeleka ukuba ifunele unyana wayo isikolo kwenye indawo ngenxa yokoyika.

Umtyholwa uyinkokheli yesebe leANC ewadini yakhe, ukhe wasebenza njengoceba, ukhe wasebenza kwikomiti kasodolophu eKSD.

“Ukuba kuthwa akanatyala lo mfo kutheni eze kucela uxolo apha ekhaya, kuba uthumele abantu apha izihlandlo ezine, weza ngokwakhe kwisihlandlo sesihlanu, ucela uxolo lwantoni?” kubuza unina wexhoba.

INkosi nomtyholwa abafumanekanga kwiminxeba yabo.

Othethe egameni lamapolisa aseMthatha, uKapteni Dineo Koena, uthi baza kuqhuba uphando ngonobangela wokulibaziseka kweli tyala.

Ukanti usihlalo wesebe leANC kule ndawo, naye uyangcangcazela xa kuthethwa ngalo mcimbi.

“Ndakufumana igunya esebeni kuqala ngokumele sikuthethe, enkosi,” utshilo usihlalo.