“Bantu baseCoffee bay nenkosi ningavumi uthathwe umhlaba wenu ningaMatshezi mawuphuhliswe kuphela kuvele amathuba emisebenzi.”
La ngamazwi kasekela mphathiswa wesebe lemisebenzi kuzwelonke uNkosi Patekile Holomisa.
UHolomisa ubethetha ngethuba lentlanganiso yamasebe karhulumente, umasipala weKSD, amaqumrhu abucala neenkokeli zoluntu, iinkosi nabanye eCoffee Bay eMqanduli.
Kule ntlanganiso kushukuxwe umgama osele uhanjiwe ekubeni kuphunyezwe umbono wokwenziwa kwedolophu entsha eCoffee Bay.
UHolomisa uthe: “Siyakwamkela ukwakhiwa kwedolophu apha kuzovela amandla nobuhle bale ndawo, kodwa makuvezwe indlela ecacileyo yokuphuhliswa kwalo mhlaba, kuba iinkosi asoze zibone sele ziphulukene nomhlaba wazo.”
UNonkoliso Ngqongwa ongusodolophu kumasipala weKSD odibanisa uMqanduli noMthatha uthe, ukwakhiwa kwedolophu eCoffee Bay sisivumelwano esathathwa kwintlanganiso yebhunga ngo2011 ngeenjongo zokuguqula le ndawo ibeyindawo yokunyusa uqoqosho elunxwemeni.
Ukwathi, mkhulu umgama osele uhanjiwe kulo msebenzi kususela ngoko, kwaye onke amasebe afana nelophuhliso, loqoqosho, elophuhliso lwamaphandle namanye asebenza ngokubambeneyo ukufezekisa ulwakhiwo lwale dolophu.
Inkosi yesizwe samaTshezi uNkosi Ngwenyathi Phali, uthi bayalamkela olu phuhliso, luzonciphisa ulwaphulo mthetho kunyuke uqoqosho.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro