Iduke engceni ingcibi ebulalayo!

Abila esoma amapolisa aseMthatha naseLibode ekhangela ingcibi edume ngokwenza isiko lolwaluko ngokungekho mthethweni uMtshiyelwa ‘Mtshayina’ Ndoda notyholwa ngokubulala abakhwetha.

Isityholo esitsha sokubhubha kwabakhwetha ezandleni zalo singa wengcibi seso sendoda eneminyaka engaphezu kwamashumi amane ethe yabhubha kwindawo yokwalusa ephantsi kukaMtshayina.

Ngonyaka ka2010, uMtshayina wolusa abantwana abangaphezu kwamakhulu alithoba ngokungekho mthethweni, kuba babengekafiki kwixabiso lokwaluka.

Ngo2010 ngeyeSilimela, wabanjwa ngenxa yokuchaphazeleka kwakhe ekubhubheni kwabakhwetha waza waphuma ngebheyile.

Othethe egameni lamapolisa aseMthatha, uKhapteni uDineo Koena, uthi bamisele iphulo lokukhangela le ngcibi etyholwa ngokubulala abakhwetha.

“Ewe likhona iphulo eliqhutywayo lokukhangela le ngcibi, sisodwa okwangoku, akukho qela liquka amapolisa aphuma kwezinye iindawo,” utsho uKoena.

UMtshayina wolusa amakhwenkwe angaphezu kwamakhulu amahlanu rhoqo xa kufike ixesha lolwaluko kwikhaya lakhe eliKuZele eLibode.

NgeCawa umhla wesibhozo kule nyanga, amapolisa, amagosa karhulumente aquka uMphathiswa uXasa bebeseLibode kukhangelwa uMtshayina.

Ethetha ngoku, uMphathiswa uXasa uthi ngenene kunzima ukufikelela kwindawo akuyo uMtshayina.

“Sifike ngenqwelontaka, simbone nje ngamehlo uMtshayina kodwa asikhange sikwazi ukufika kuye kuba uye kutshona ehlathini,” utshilo uXasa.

Usihlalo wekomishini ejongene namalungelo amasiko, iilwimi nezithethe kweli uThoko Xaluva-Mkhwanazi, kutyelelo lwakhe kwelaMampondo ngo2016, wathi akanakuphuma engabanjwanga uMtshayina.

Othethe egameni leSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni, uMamkeli Ngam, uthi umsebenzi ongekho mthethweni owenziwa zingcibi ezingathobeli mthetho – unyusa inani lokubhubha kwabakhwetha.

“Balishumi elinesithandathu abakhwetha ababhubhe kweli phondo ngoku. La ngingqi aphuma kuyo uMtshayina iOR Tambo, inabantwana abalishumi elinanye ababhubhileyo, lelona nani liphezulu njengesiqhelo,” kutsho uNgam.

Ingxelo ithi uMtshayina wenza umsebenzi wokwalusa abantwana ngaphandle kweempepha ezisemthethweni.

Oligosa leKomishini yamaLungelo amaSiko, iiLwimi neZithethe zeli uPhumla Madiba, uthi kuninzi okungacaciyo ngendlela ekuqhutywa ngayo isiko lolwaluko.

“Ezi ngcibi, amakhankatha nabo bonke abantu abachaphazelekayo bayabhaliswa ngokusemthethweni, ulwazi ngabo lukho lugciniwe, kutheni kunzima ukufumaneka kwabo xa kukho ingxaki?” ubuze watsho uMadiba.

Kulindeleke ukuba lifikelele esiphelweni kule veki ixesha lolwaluko lasebusika nanjengoko ziza kuvulwa izikolo kwiveki ezayo.

Lisaqhuba iphulo lokukhangela uMtshayina kwiintaba zaseLibode.