Idukile indoda ebiqhuba isingise eKimberly isuka eNgcobo

UDavid Numa olahlekileyo. Umfanekiso: SAPS

Amapolisa akhangela uDavid Numa, 68, nowagqibela ukuthetha nenkosikazi yakhe emxelela ukuba imoto yakhe inengxaki kuhola wendlela uN6 ngaseReddersburg, ngethuba wayesiya eKimberly, eMntla Koloni esuka eNgcobo, eMpuma Koloni.

Ngokwengxelo kaSajini Mahlomola Kareli, uNuma wayeqhuba imoto yohlobo lweMazda Drifter engwevu kwaye indawo yakhe yokugqibela yile ikhankanywe ngasentla.

UKareli uthi malunga necala emva kwentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMvulo wale veki, uNuma wayehamba ngemoto, ngethuba efowunela inkosikazi yakhe emazisa ngokonakala kwemoto yakhe, phambi kokuba aduke negama lakhe.

“Ngomhla wesixhenxe kweyoMqungu ka2025, inkosikazi yasuka eNgcobo isiya eKimberly yabona isithuthi sikaNuma sishiywe kuhola wendlela uN6, zonke iingcango zitshixiwe kwaye imoto ibingenamonakalo.

“Unkosikazi wazama ukufowunela ifowuni yakhe kwakhona kwaye ifowuni yakhala ngaphakathi kwisithuthi esitshixiweyo. Emva kwexesha uye walungiselela ukuba irhuqwe ithuthwe le moto ukuze igcinwe,” utshilo uKareli.

UNuma wagqityelwa ukubonwa enxibe umnqwazi oneyvi, ibhulukhwe eneyvi kunye nebhatyi emnyama.

Nabani na onolwazi ngendawo akuyo uyacelwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi uConstable Zaqubelana wesikhululo samapolisa saseReddersburg ku0825275988, okanye iCrime Stop ku0860010111, okanye abhale umyalezo kuMySAPS App.