Iqumrhu elijongene nolonyulo eMzantsi Afrika, i-Independent Electoral Commission (IEC), lithi likulungele ukwamkela abavoti abatsha. Kubekelwe bucala iintsuku ezimbini ngempelaveki, uMgqibelo neCawe, ukuze kubhalise abantu abaneminyaka elishumi elinesithandathu yeminyaka ukuya phezulu abangazange babhalise okanye bavote ngaphambili.
Ngokutsho kwengxelo ekhutshwe ngu-IEC, ngabantu abangaphezulu kwezigidi ezingamashumi amathathu anethoba (39 million) abanelungelo lokuvota. Abasemqulwini ka-IEC ngoku bangamashumi amabini anesithandathu ezigidi (26 million).
Ukuqala kwenkqubo yobhaliso lwabavoti lutshayelela umhla omkhulu wolonyulo oza kube ukunyaka ozayo noxa uMongameli uCyril Ramaphosa engekawubhengezi. “Sakhe iqonga lokubhalisa abantu elinamandla okuthatha umthamo omkhulu kakhulu.
“Ndingatsho ndithi sikulungele ukwamkela isigidi esinesiqingatha sabantu abatsha kuluhlu lwethu labantu abanelungelo lokuvota,” itshilo ingqonyela ka-IEC, uMnu. Sy Mamabolo. Baninzi abantu abanelungelo lokuvota eMzantsi Afrika – kodwa inani labavotayo liyehla kakhulu.
Umntu uphatha isazisi sakhe aye kwisikhululo sika-IEC esikufutshane naye xa efuna ukubhalisa. Ulonyulo lubaluleke kakhulu eMzantsi Afrika ngoba lithuba elinikwa abantu ngumgaqosiseko ukuze bonyule iinkokheli abakholwayo zizo.
Ingqonyela ka-IEC ibongoze abantu ukuba bayokubhalisa okanye bayokujonga iinkcukacha zabo kumaziko ovoto akufutshane kubo. “Kubalulekile ukutshintsha idilesi kwa-IEC ngoba umntu ngamnye uza kuvota kwindawo abhalise kuyo. Umntu angabhalisa idilesi entsha phambi komhla wolonyulo kuphela,” utshilo uMamabolo.
Kwelinye icala, Isebe leZekhaya (Home Affairs Department) ligqibe kwelokuba amasebe onke avulwe ngempelaveki yobhaliso ukuze abantu bakwazi ukuyothatha izazisi zabo.
“Isebe lazisa ukuba amasebe avule ukusukela ngomhla wesine ukuya ngomhla weshumi elinanye kwinyanga yeNkanga ukuze abantu bakwazi ukuthatha izazisi zabo phambi kwempelaveki yolonyulo,” itshilo ingxelo ekhutshwe lisebe kutshanje. Nabantu abalahlekelwe zizazisi baza kufumana ithuba lokwenza oolindela ukuze bakwazi ukubhalisa.
Amaqela ezopolitiko sele ethe bhazalala kwiindawo ngeendawo eMzantsi Afrika akhuthaza kuzo abantu abangekabhalisi ukuba babhalisele ulonyulo ekulindeleke lube nzima kakhulu. Amaqela aphikisayo anethemba lokubhuquka iAfrican National Congress elahlekelwa ngamanani.
Ngamaqela epolitiki afana neDemocratic Alliance, Inkatha Freedom Party, Action SA namanye asele etyikitye isivumelwano sentsebenziswano esicacisa indlela aza kusebenzisana ngayo xa ethe aphumelela kwilinge lawo lokushenxisa iAnc elulawulweni kunyaka ozayo.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini