IEC: ‘Olu nyulo alukhange lubelula’

IKOMISHINI yezoloNyulo eZimeleyo (IEC) eMpuma Koloni ithi unyulo loomasipala obelubanjwe kule veki “alukhange lubelula” ngenxa yemingeni kwiivoti ezikhethekileyo kwakunye noqhankqalazo loluntu.

USomaqhuzu we-IEC eMpuma Koloni, uKayakazi Magudumana, ubalisele I’solezwe lesiXhosa ngoLwesine, emva kokuba begqibe ubalo lweevoti, ngemingeni abathe bagagana nayo kolu lonyulo.

“Sibenayo imingeni, olu nyulo alukhange lubelula. Uqala kwiivoti ezikhethekileyo (special votes), thina njengephondo besinenani eliphezulu labantu ababhalisele ukuvota ngokukhethekileyo, ingakumbi ukutyelelwa kwabo bantu kumakhaya wabo.

“Ingxaki ebikhona, kukuba xa besisiya kumakhaya waba bantu besifika bengekho. Kwamanye amakhaya besithi xa sifika, abe lo mntu engayazi nokuba ucelelwe ukuba andwendwelwe ngu-IEC,” kutsho uMagudumana.

Abasebenzi bakwa-IEC abebenoxanduva lokuhlanganisa ubalo lweevoti e-ICC eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

UMagudumana uthi kukho abantu abangakwazanga kubandwendwela eSajonisi ngenxa yengqumbo yoluntu.

“Indawo esingakhange sikwazi ukundwendwela kuyo abantu ababhalisele unyulo olukhethekileyo [kukwenye indawo] eSajonisi, apho singakhange sikwazi ukundwendwela abantu abalishumi elinesine emva kokuba abahlali bala ndawo bebevale indlela bengafuni angene u-IEC.”

UMagudumana uthi ngomhla wovoto (01 kweyeNkanga), kwizitishi zephondo eziyi-4 809, izitishi eziyi-24 azikhange zivule kwangexesha ngenxa yoqhankqalazo loluntu nangenxa yokugrunjwa kwendlela ngelokuthintela amagosa akwa-IEC ingakumbi eAlfred Nzo (eMatatiele naseNtabankulu).

“Urhulumente uye wasincedisa ngokuthumela izithuthi (TLBs) ukuze kulungiswe indlela. Izitishi zide zavula emva koko,” utshilo uMagudumana.