UMkhonto weSizwe Party (MK Party) umeme yonke imibutho engamahlakani ayo aquka iEconomic Freedom Fighters (EFF) kwimibhiyozo yokugqiba unyaka usungulwe kwibala lemidlalo iMoses Mabhida eDurban kule mpelaveki.
Lo mbutho eGauteng naseMpumalanga uphawule isikhumbuzo sawo ngeendibano ezincinane, kodwa owona mbhiyozo mkhulu uza kuba KwaZulu-Natal (KZN). Oku kungenxa yokuba iKZN ifumene elona nani liphezulu leevoti zalo mbutho kunyulo lomhla wamashumi amabini anesithoba kuCanzibe kunyulo lukazwelonke nolwephondo xa kuthelekiswa namanye amaphondo.
Ethetha neentatheli malunga nokulungela kombutho ngoLwesithathu, uNobhala Jikelele weMK Party uFloyd Shivambu ubhengeze ukuba bathumele izimemo kuyo yonke imibutho engamahlakani abo eyinxalenye yeqela lemibutho enenkqubela kunye ne-EFF
Wongeze ngelithi baza kubanika [le mibutho] ithuba lokudlulisa imiyalezo yabo yenkxaso.
“Sidlulisela esi simemo kuyo yonke imibutho engamahlakani ethu kwezopolitiko. Ngoko ke sidlulisela isimemo kwiEFF, iAfrican Transformation Movement (ATM), iNational Coloured Congress, iAfrican Unity Congress zonke eziyinxalenye yeli qela lemibutho enenkqubela phambili kwaye xa bezile, siza kubanika ithuba,” utshilo.
UShivambu uqhube wathi le mibutho ngamaqabane abo abeqhinga kuba babelana ngezinto ezifanayo.
Nangona imenyiwe iEFF, akukacaci nokuba izakuya na okanye ayizukuya kuba iza kuqhuba inkomfa yolonyulo kule mpelaveki eNasrec, eGoli. Oku kusenzeka nangona inkokheli ye-EFF uJulius Malema ikukhaba ngawo omane amaqhina neMK Party.
I-ATM ekhokelwe nguVuyo Zungula iqinisekise ukuba baza kuzimasa lo msitho. Lo mbutho ukwayalela amalungu awo ukuba abe yinxalenye yemibhiyozo yeMK Party.
“NjengeATM, samkele ngokusesikweni isimemo njengoko besivumile eBloemfontein ngexesha lenkonzo yeInternational Thanksgiving Service.
“Iinkokeli zeATM kunye namalungu KwaZulu-Natal kufuneka bezizimase ngokupheleleyo nangobuninzi babo. Nceda niqinisekise ukuba nihlala kwindawo enye ebaleni ukuze nibonakale,” itshilo ingxelo.
Eli bali liqale lavela kwi-IOL.
Useziseleni uGogo Maweni!