Ifike ngethuba iKilisimesi kubantwana bakwaNyokana ababengenakhaya!

“Ndiziva ndonwabile xa kunamhlanje kuba sinekhaya.” UAnesipho Nyokana (21) welali yakwaGasela eCumakala, nowashiyeka eyintloko yekhaya kwazalwa nabo abathathu emva kokuba bathi bashiywa ngabazali babo ngo2021, uthi uziva onwabile enekhaya kwaye bazakutsho bahlale ndawoninye nabantwana bakowabo.

“Besingenawo amandla okulivusa kuba akukho mntu uphangelayo, kwanyanzeleka ukuba sohlukane singahlali ndawoninye nabantwana bakamama, sihlala kwizihlobo ngenxa yemeko yekhaya lethu.

“Ibimbi imeko yasekhaya kwaye singenawo amandla okulivusa kodwa namhlanje sinekhaya ngenxa kaRhulumente othe wasenzela ikhaya. Kule Kilisimesi sakutsho sidibane sonke ekhaya,” utshilo uNyokana.

Indlu yakuloAnesipho Nyokana ngaphambili ze abe uRhulumente uyangenelela.

Konke oku kuza emva kokuba iSebe lokuHlaliswa koLuntu eMpuma Koloni linikezele ngezindlu kubantu abayi75 nababehlala kwiifama.

Uninzi lwaba bantu baxhamlileyo abaphangeli, abanye babo abathathintweni. Isebe lithi usapho lakwaNyokana lolunye lweentsapho elithe eli Sebe laqinisekisa ukuba liza kuxhamla kwezi zindlu.

UMlawuli oyiNtloko kweli Sebe, uGqirha Bongiwe Gobe, nobeseGasela xa bekunikezwa ezi zindlu kwiintsapho, uthi, bayavuya kwaye basezinyaweni zoMgaqo siSeko weli lizwe ogunyazisa ukuba bonke abemi boMzantsi Afrika banelungelo lokuba nendawo yokufihla intloko.

“Ngokwenza oku sikwabuyisela isidima, siqinisekile ukuba bonke abaxhamli bazakutyela iKilisimesi kumakhaya abo amatsha. Le projekthi yolu lwakhiwo lwezindlu ibingaphaya kwezigidi ezilishumi elinesithathu zeerandi (R13,7 millon) kwaye itshintshe iimpilo zoluntu kuba iye yadala namathuba engqesho.

USodolophu waseAmahlathi, uNomakhosazana Nongqayi, uthi kuyavuyisa ukuxhamla kwabantwana bakwaNyokana njengoko bebengenalo ikhaya, watsho ebulela iSebe.