Ifikelele kwiR140 000 imali eqokelelelwe iweyitara yaseKapa

IBALELWA kwikhulu elinamashumi amane amawaka (R140 000) imali eqokelelelwe intwazana emhlophe nenganikwanga mali esisipho ngamatshantliziyo entshukumo yabafundi ethi #RhodesMustFall.

U-Ashley Schultz, osebenza njengeweyitala kwivenkile yokutya eObservatory, eKapa, ubenceda uNtokozo Qwabe kunye nogxa wakhe uWandile Dlamini ngethuba befumana isidlo kule venkile.

Esi sibini salile ukunika le ntwazana imali esisipho, sathi uyakuyifumana mhla wabuyisa umhlaba, ntetho leyo ibhekiswe kweyokuba umhlaba omninzi usesezandleni zabamhlophe.

Ibe ngumyalezo wempoxo onikwe le ntwazana nguDlamini oyishiye inyembezana, nobaliswe nguQwabe esenza intlekisa ngeenyembezi zikaSchultz kwikhasi lonxibelelwano uFacebook.

Lo myalezo unyanzele isithethi sesebe lophuhliso loluntu eNtshona Koloni, uSihle Ngobese, ukuba aye kula venkile yokutyela ngenjengo yokupha le ntwazana amashumi amahlanu eerandi [R50].

Emva kokubalisa oku kumakhasi onxibelelwano uNgobese ibeluthotho labantu bethembisa ngabakunikelayo ukuxhasa uScholtz.

UScholtz uthe uzakuzithengela indawo yokuhlala eyeyakhe kufutshane nekhaya lakhe ngolu ncedo lwemali alifumanayo.

UQwabe ushiyeke exhalabile ngokuphulukana nenkxasomali ayifumana ngoncedo lukaRhodes eOxford University eLondon nenikwa ingqwalasela emva kwalo myalezo.

johnnie.isaac@inl.co.za