Ifikile iBonkolo Marathon kuKomani!

USiphiwe Ndlela egqiba indawo yesithoba kumdyarho wamadoda i-2017 Two Oceans Marathon. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Uza kuqala ngentseni ngomso umdyarho wodumo  weembaleki  eKomani iBonkolo Marathon kumgama wamashumi amane anesibini nalowo weekhilomitha ezingamashumi amabini ananye.

 

Othethela abaququzeleli balo mdyarho wodumo uTheo Ferrera, uthi linyukile inani leembaleki ekulindeleke ukuba zithathe inxaxheba kwakho kulo mdyarho. 


“Ngamakhulu amane iimbaleki esiqinisekileyo ngazo okwangoku, lingenyuka inani, siqhuba ke nabaxhasi bethu besiqhelo balo  mdyarho.”


Imbaleki yodumo yaseMonti uLuthando Hejana,  uphumelele indawo yokuqala izihlandlo ezibini kulo mdyarho ngonyaka ka2015 nango-2016. 


Ezi mbaleki kulindeleke ukuba ziqale kanye phezu kwedama lakuBonkolo ziye kungena edolophini eKomani, zisuka ngaseTop Town ukuya kugqitha kumabala emidlalo aseQueens College nase Hangklip. 


Amaqela eembaleki aziwayo kweli leMpuma Koloni aquka iBorn 2 Run yaseMonti neQueenstown Harries kulindeleke ukuba akhuphe oompondo zihlanjiwe beembaleki ezizakuthatha inxaxheba kulo mdyarho.

 

Othethe egameni lomasipala wesithili saseChris Hani, uThobeka Mqamelo, uthi basoloko bekwamkela ngezandla ezishushu ukufika kwalo mdyarho eKomani.


“Ihotele zethu ziyaxakeka, nezi zincinci iindawo zokwamkela abantu ziyagcwala, kungena imali kwesi sithili ngenxa yalo mdyarho weembaleki wakudala,” uthethe watsho uMqamelo. 


UFerrara uthi banethemba lokuba iimbaleki zizilungiselele ngolona hlobo kulo nyaka. 


“Ngecala emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni zizakuba zisuka iimbaleki, siyathemba ukuba zonke zikulungelele ukubaleka.”


Ingqatsini yelanga eyaziwayo eKomani ngeli xesha lonyaka ingahle ibangele iingxaki zokunyuka kobushushu emizimbeni kwabo bathatha inxaxheba. 


Ibingamashumi amathathu ananye amaqondo obushushu eKomani de kwakusasa ngoLwesine.


“Zikhona iinqwelo zezigulana namagosa ezempilo azakuba ehamba neembaleki, kodwa sixhalabile ngamaqondo obushushu, kunyaka ophelileyo bekusapholile ngeli xesha,” kutsho uFerrera.

 

Lo mdyarho waqala ngonyaka ka1977 kuBonkolo eKomani ngeembaleki ezazingamashumi amabini kuphela ngelo xesha, itsho ingxelo.