IFord ityala iR2.5 yeebhiliyoni kuqoqosho loMzantsi Afrika

UMZI mveliso wezithuthi wakwaFord uzakutyala iibhiliyoni ezimbini ezinesiqingatha kwimveliso yeholo lemoto iFord Everest kwakunye neFord Ranger ebezisungulwe kunyaka ophelileyo.

Ibalelwa ku1200 imisebenzi ezakudalwa leli nyathelo, kwaye izakwenza ukuba ezi ntlobo zemoto zakwaFord zifumaneke ngokukhawuleza kumazwe akwi- Sub-Sahara Afrika. Imveliso yakwaFord izakuqhutywa kumzi mveliso wale nkampani osePitoli, nalapho i10 000 yezithuthi kulindeleke ukuba iveliswe ngonyaka, ngelixa imoto eluhlobo lwedizil izakuveliswa kumzi mveliso oseBhayi. Iveni eluhlobo lweFord Ranger iqale ukwenziwa kweli ngo2008, kwaye seyithengise iimoto eziyi 33 920 kunyaka ophelileyo.

Imveliso yeFord Everest izakuqalisa kwikota yesithathu kwakulo nyaka. Le nkampani ibithengise i78 471 yeentlobo zezithuthi kunyaka ophelileyo. “Abathengi bezithuthi zethu bayakuthanda abanokuthi bakwenze nge-Everest,” utshilo uJim Farley ongusekela mongameli kwaFord, kwilizwekazi leAfrika. UJeff Nemeth oyingqinyela yakwaFord eSub-Saharan Afrika uthe, “Olu tyalo mali libaluleke kakhulu, lizokusenza sikwazi ukwandisa uluhlu lweeEverest ibeziintlobo ezisibhozo. Oku kuzakuvumela abathengi kwiSub-Sahara Afrika ukuba bakhethe iinjini ezimbini ezinamandla ukusuka kwenesantya etshintshwa kathandathu, kwakunye neluhlobo oluzitshintshayo.” uNemeth ulebele ngelithi, “Njengoko siqhubeka sikhulisa ishishini lethu apha eMzantsi Afrika sizinikele ekuphuculeni izakhono zabasebenzi bethu kunye nokudala amathuba amatsha ngaphakathi kwinkampani kwakunye nokunikezelwa kwezinye iinkonzo. Oku kuzakuphumelela ukusungulwa nokuzibophelela umsebenzi amandla , abathengisi , abathengisi , Union norhulumente namaqabane ethu ukuba baye bakwazi ngokubambisana nabasebenzi bethu, abo sithenga kubo izixhobo ezithile, kwakunye nokubambisana norhulumente, ukuze siqhubeleke nokwandisa imisebenzi yethu , ngokwandisa umzila wethu kwezinye iindawo zeAfrika”