IForte FM nezinye zivuliwe kwakhona

Zivuliwe kwakho izikhululo zasekuhlaleni ezilishumi elinesihlanu ebezivalwe ngenxa yetyala ebezinalo nenkampani edidiyela amaza omoya iSentech.

Ezi zikhululo zivulwe ngoMgqibelo ogqithileyo emva kwentlanganiso ebeyimpumelelo phakathi koMphathiswa weSebe loNxibelelwano uNomvula Mokonyane, iNational Community Radio Forum, Media Development and Diversity Agency neSentech.

Izikhululo eziquka iForte FM yaseDikeni eMpuma Koloni neQwaqwa FM yaseQwaqwa kwiphondo laseFreyistata zivalwe ngenxa yemali ekumashumi amathathu ezigidi zeerandi (R33 million) abayityala iSentech.

Othethe egameni leli sebe uMlimandlela Ndamase, uthi kukho izivumelwano ezingqingqwa abafikelele kuzo phambi kokuba zivulwe ezi zikhululo.

“Enye yezinto esivumelene ngayo kukuba iMDDA iza kunikisa ngemali ekhawulezileyo kwiSentech ukuvala okanye ukuphungula eli tyala, kukwakho nesicwangciso sexesha elide esisebenza kuso,” utshilo uNdamase.

Ukuvalwa kwezi zitishi kuchazwe ukuba kuchaphazele kakubi abahlali abaxhomekeke kuzo ngolwazi.

“Ezi zikhululo zingumthombo wolwazi wokuqala nowokugqibela kubahlali, ngoko bekumele ukuba sisifumane isisombululo kule ngxaki,” utshilo uNdamase.

Uthi isebe lezonxibelelwano liza kuncedisa ezi zikhululo ngemali kumbono wexesha elide.

“Siza kuyeka ukuhleka nezi zikhululo, ulawulo lwazo kufuneka ukuba lubesemgangathweni, zinayo imali, zidinga ulawulo olululo,” utsho uNdamase.

Uhambisa athi baza kunyanzelisa ukuphengululwa kwencwadi emva kokuba bezincede ngemali ezi zikhululo.

“Umphathiswa umemelela ingqungquthela yazo zonke izikhululo zasekuhlaleni ngeenjongo zokucinezela kakhulu kwimicimbi yolawulo,” utsho uNdamase.

Ukanti usihlalo webhodi elawula iNational Community Radio Forum uXola Nozewu, uqinisekise ukuba ezi zikhululo zivulwe ngempumelelo emva kwentlanganiso abayibambe noMokonyane.

“Zolishumi elinesihlanu izitishi ebezivaliwe zivuliwe, umsebenzi uyaqhubeka ngaphandle kwengxaki, kodwa kukho isicwangciso sexesha elide,” utshilo.

Uthi ukuxhotyiswa ngolwazi, izakhono zolawulo namacebo okwenza imali zezona zinto baza kugxila kuzo. Ezi zikhululo zasungulwa ngo1993 ngokugunyaziswa ngumthetho i-IBA Act esele isaziwa njengeICASA Act.