Ifriji yabahlali egcina ukutya kule Lockdown

UStella Mari ebonisa ngeminye yemifuno egcinwa isempilweni kwikhonteyina enefriji UMFANEKISO: UTHUNYELWE

KWEZINYE iindawo abahlali banikwa iipasele zokutya, emva koko umntu azibonele ukuba ukugcina njani oko kutya nokuba kuninzi kangakanani, kodwa akunjalo eKruisfontein, nanjengoko kukho indlela eyodwa yokugcina ukutya kwabo bahlelelekileyo.

 

Abahlali abangathathi ntweni baseKruisfontein, eHumansdorp, abanaxhala lokuba ukutya kwabo, kuza konakala okanye kuphulukane nencasa ngeli xesha lokuvalwa kweentshukumo elizweni ngenxa yekhonteyina enefriji egcina ukutya kwabo kusempilweni nasekukhuselekeni.

 

Le khonteyina iziswe kule ndawo phambi kokuba kuqale iLockdown. Ibekwe ngakwisiza sezixhobo zokucima umlilo zaseHumansdorp, neyindawo yokusabela kwimiba eyayamene nentsholongwane yeKhorona kule ndawo.

 

Kule khonteyina, nexhaswe ngemali yiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay, kulapho kuqokelelwa khona ukutya ukuze kusiwe kwabo bakwimfuno.

Ngaphandle kokugcinwa kwemifuno, kule khonteyina kukwagcinwa neemveliso zobisi kwanokutya okugcinwa ngomkhenkce ukuze ngenxa yesisa seWoodlands Dairy, imibutho engenanto yakwenza norhulumente kwanemibutho yabucala.