IDE yayifumana i-USB enengoma yayo imvumikazi yeGqom uBabes Wodumo, nathe ilahlekile ngeCawa.
Le mvumikazi ifake ivideo ekhasini layo lika-Instagram ngeCawa, icela abantu ukuba bathumele i-link angafumana kuyo ingoma yakhe iGhandaghanda ukuze akwazi ukuyisusa.
Oku kushiye abaninzi bezibuza beziphendula ukuba ingaba oku uzakwenza njani.
Abanye baphele bephendula ukuba uBabes ufuna ukuvala ingoma ethutyeleziswa kwiWhatsapp kwaye esele ivakala nakwiiteksi eThekwini.
Kusasa ngoLwesibini, uBabes wazise abalandeli bakhe ukuba bayifumene i-USB.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile