Ifumanekile imizimba yesibini esaduka kwimpelaveki ephelilyo ePort St Johns

 Isibini ebesizikhuphele kwidolophana iPort St Johns sifunyenwe siswelekile namhlanje kwiliwa
iAirstrip cebukuhle nedolophu.

Amapolisa achithe phantse usuku lonke izolo ezama ukufikelela
kwimizimba ngaphambi kokuba acele uncedo lomkhosi wezokhuselo.

Ngentsimbi yesibini ngokuhlwa uKapteni Godlwana uthe inqwelo-ntaka
yokhuselo ibisele ifikile kwindawo yexhwayelo isenza amalinge okufikelela kule mizimba
ngoncedo lwabezentlekele neenkonzo zikaxakeka. Ngethuba ziqukunjelwa ezi nzame,
 usapho lukamfi uLusindiso Poyo nolukaNolwazi
Mkhize belukhona ukuze kufaniswe le mizimba, ethe emva koko  yaleqiswa kuhlolo oluzakuthi luchaze oyena
nobangela wokufa kwabo.  

Esi sibini siduke ngoMgqibelo weveki ephelileyo saze sachazwa
kwisikhululo samapolisa ngeCawa, oku kuthethwe nguKapteni Handile.

Amapolisa asaqhuba ngokuphanda ngethuba kulindelwe iziphumo.

UKapteni uHandile wongeze ngelithi, “Kude kuzothi ga
ngoku ukubakhangela khange kube lula kuba ngethuba kubikwa saxelelwa ukuba
bahambe ngemoto, yabe nayo ingenayo itracker, kodwa ngethamsanqa kwavakala
ukuba kukho imoto ebonakalayo ezantsi eliweni”.

Imoto enombolo-mbhalo engu-NPS 42225 kamfi uPoyo ibisele
iboniwe ngomhla we18 kumgama omde ukusuka phezulu, kwangona kuqalwa ukurhanelwa
ukuba ingayiyo le yesi sibini sidukileyo.