Ifumene umlilo inkonzo yaseThekwini

Inkonzo edume kakhulu eThekwini ebizwa ngokuba yiJesus Dome Christian Centre igutyungelwe ngumlilo ophantse watshabalalisa kwanto kuyo.

Lo mlilo kuthiwa ubusowuqalisile ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoLwesibini nobusele udwanguza amadangatya. Unobangela wawo awukaziwa, usaphandwa.

Ukanti namalungu ale nkonzo azive othukile sisehlo esenzeke kwinkonzo yabo. Iingxelo zithi asindile amagumbi amaninzi, ingakumbi lawo abalulekileyo aneencwadi zenkonzo.

Isithethi sohlangulo kwiphondo laKwaZulu Natal uGarrith Jamieson udize ukuba akukho mntu wonzakeleyo kulo mlilo.