Ifuna kubanjwe inkomfa iANC YL yephondo

IKHABA lolutsha le-ANC eMpuma Koloni, likholelwa ukuba iingxaki ezambethe i-ANC zakusombululeka xa lo mbutho ungabamba inkomfa ekhawulezileyo ixoxe ngeenkokeli zokuhlangula uKhongolose.

Ngokwenza oku, i-ANC Youth League sisikhokelo sokuqala eMpuma Koloni ukuthetha phandle ngeengxaki eziqhubeka kuzwelonke we-ANC.

Kwimbalelwano ekhutshwe emva kwendibano ye-ANC YL ebibanjelwe eMonti, abantu abatsha be-ANC bathi iziphumo zonyulo loomasipala ebezibanjwe kwinyanga ephelileyo, zibonakalisa phandle ukuba zininzi iingxaki kwiANC.

“Umyalezo othunyelwe kwi-ANC ngabavoti baseNelson Mandela Bay, ucace gca – okokuba mayitshintshe indlela eyenza ngayo izinto,” utshilo osisithethi seANC YL eMpuma Koloni uAyongezwa Lungisa.

Lo mbutho ukwakholelwa ukuba abantu basayithanda iANC. “Kodwa ukuphulukana nenkxaso koomasipala abambaxa kufana nokugqejwa idumakazi,” utsho.

Uthi kucace nakuthathatha ukuba iingxaki ziyongamele iANC. “Lo nto ithetha ukuba kufuneka iANC ikhawulezise ilungise iingxaki ejongene nazo. Ukuba thina lutsha le-ANC sizimisele ukunceda iANC, kufuneka siphakame ngokwethu silungise undonakele,” utshilo uLungisa.

Ukuphakama kweANC YL yephondo, ithethe phandle ngeengxaki ezijamelene neANC, kuza emva kwenquleqhu ezenziwe ngabaxhasi beANC eLuthuli House eRhawutini, nabebefuna ukuba iinkokeli zeANC eziquka uMongameli Jacob Zuma zehle esikhundleni.