Ifuna ukungena kurhulumente iContralesa

Ukuvulwa kweNdlu yeeNkokheli zeMveli kuzwelonke ePalamente, eKapa ngo2020. UMFANEKISO: Siyabulela Duda

Umbutho weeNkosi kweli iCongress of Traditional Leaders of South Africa, iContralesa, ikhalazela ukungafakwa kwayo kwizicwangciso zokumiselwa kurhulumente wobumbano.

Lo mbutho uthi iinkokheli zawo kuzwelonke zishiywa ngaphandle xa kuxoxwa kulungiselelwa ukumiselwa korhulumente wendibanisela.

IiNkosi eziphantsi kwalo mbutho zikwimibutho eyahlukileyo kwaye uninzi lwazo azikuthandi ukubonwa okanye ukuqatshelwa ngobulungu bazo.

Oku kuvela logama umbutho olawulayo ubambisene nemibutho ephikisayo bejikeleza bekhangela indlela yokumisela urhulumente wentando yesininzi.

Okwangoku akukacaci ukuba kuza kusetyenzwa kanjani kuba kungona zidadela enzulwini iingxoxo ezimalunga nendlela ezakusebenza ngayo indlu yowiso-mithetho.

NgoLwesihlanu wale veki umhla weshumi elinesine kuzakuba kuhlala indlu yowiso-mithetho okokuqala emva kokuba kuvotiwe.

Nangona kunjalo, ukuhlala kwale ndlu kunemiceli mngeni equka isithintelo senkundla esifakwe nguJacob Zuma nombutho wakhe weMK Party ngelithi mayingahlali le palamente.

Isikhalazo sakhe esiphambili sesokuba aluqhutywanga kakuhle ulonyulo, iivoti zabo zibiwe okanye imibutho equka iANC ifumene amathuba okuzenzela kunyulo.

Iingcali zopolitiko zithi ambalwa amathuba wokuba isithintelo seMK Party singakwazi ukumisa umsebenzi wepalamente. Unobhala wepalamente uMxolisi George uthi bakulungele ukumisela ipalamente yokuqala emva konyulo lenyanga kaCanzibe.

“Njengoko besitshilo, yonke into kwelethu icala ilungile, sikwenzile konke ekumele ukuba sikwenzile,” utshilo uGeorge.

Ipalamente inqumamise amalungiselelo enqwelomoya nendawo yokuhlala ibilungiselelwe amalungu weMK Party emva kokuba lo mbutho uthe awuzukuthatha nxaxheba kwipalamente ezakuchopha ngoLwesihlanu.