Ifuna uvalwe umba waseNkandla iANC

IGXEKE amaqela aphikisayo iANC ngelithi adelele isigqibo senkundla yomgaqosiseko. Oku kulandela ukunganeliseki kwala maqela sisigqibo sesebe lezemali elinyanzelise umongameli weli uJacob Zuma ukuba ahlawule imali ebalelwa kwizigidi ezisixhenxe ezinamakhulu asibhozo amawaka eeranti(R7.8 million).

Ibalelwa ku250 wezigidi zeerandi imali eyachithwa ngethuba kuphuculwa ukhuseleko kwikhaya likaZuma eliseNkandla, neyakhokelela kumadabi. UZuma zange awuthobele umyalelio woMkhuseli Woluntu uThuli Madonsela owawumnyanzela ukuba ahlawule inkcitho kwizinto ezingeyonxalenye yokhuseleko. Ezi zinto ziquka ubuhlanti, indlu yeenkukhu, ichibi lokuqubha, indawo yokwamkela iindwendwe kwakunye nentendelezo yokudlalela.

Ukungathobeli umyalelo woMkhuseli Woluntu, nokwamkelwa sisininzi samalungu ePalamente kwezinye iingxelo ezithi uZuma makangahlawuli kwakhokelela ukuba iqela leEFF kwakunye neDA abhenele kwinkundla yomgaqosiseko. Le nkundla yagweba ngelithi uZuma makahlawule inxalenye yemali ngokwesibhambathiso soMkhuseli Woluntu.

Le nkundla yayalela isebe lezemali ukuba liphande intlawulo ekufanele ukuba uZuma ayikhuphe. Emva kwengxelo yeli sebe inkokeli yeDA uMmusi Maimane uthe uZuma usatyala abemi beli izigidi zeranti, kuba intlawulo ekufanele ayikhuphe ziipesente ezintathu xa kuthelekiswa inkcitho eyenzeke eNkandla.

Kwelayo icala iEFF ithe linyathelo elifanelekileyo lokubuyisa isidima se-ofisi yoMkhuseli Woluntu. Lo mbutho ulumkise ngelithi alikapheli idabi lokususa uZuma kwisihlalo sokongamela. Isithethi sikaKhongolose uZizi Kodwa uthe inkundla yomgaqosiseko zange ithi isebe lezemali malifumane imvume kumaqela aphikisayo ngeyona ntlawulo uZuma kufanele ayikhuphe. Ukwathe, “Siya ekuwuqosheliseni lo mba kodwa siyayazi ukuba kukho imibutho engathanda ukuwubona uqhubekeka kuba akukho nto yezopolitiko azakusala nayo xa siwuvala.” Inkundla yomgaqosiseko isamkele isigqibo sesebe lezemali. UZuma kulindeleke ukuba ahlawule zingaphelanga iintsuku ezingamashumi amane anesihlanu.