Ifunge yamunc’ intupha i-ANC

UMHLA wesithathu kweyeThupha kulo nyaka kulapho ikrwela khona umgca i-ANC, ifundise isifundo amaqela ezopolitiko aphikisayo malunga nobunganga balo mbutho.

Ngolu suku, umhla wonyulo loomasipala, i-ANC izimisele ukuwatshabalalisa onke amaphupha neminqweno yamaqela ezopolitiko aphikisayo.

Esi sisilumkiso esikhutshwe ngumongameli we-ANC, uJacob Zuma ngethuba ethetha namawaka abalandeli nabaxhasi balo mbutho eNelson Mandela Bay Stadium eBhayi ngempelaveki.

Amalungu kwanabalandeli beANC bebephuma mbombo zone zoMzantsi Afrika beyokumamela umqulu wezithembiso walo mbutho nanjengoko kusiyiwa kunyulo loo masipala kweyeThupha kulo nyaka. Ezi zithembiso zingqale ngqo kokuzakwenziwa ngoomasipala abakhokelwa yi-ANC ukusukela emva kolonyulo ukuya kunyaka ka2021.

UZuma uthi, i-ANC izakuqhuba kakuhle kolu lonyulo, kuba kuninzi esele ikwenzele uluntu lweli kule minyaka idlulileyo. Uthi akanaxhala lemibutho ephikisayo. “Abaninzi bayathetha nje, kodwa akukho kwanto abakhe bayenzela uluntu lwakuthi. Thina siyasebenza, asidlali,” utshilo uZuma engqinelwa yintlokomo yamalungu e-ANC.

Lo kaZuma uvumile ukuba kukho izinto ezingahambanga kakuhle xa kuthethwa ngohambiso lweenkonzo ngumasipala. “Siyivile inkxalabo yenu ngabanye oomasipala, kwaye sikwinyathelo lokulungisa oko kungahambanga kakuhle. Yiyo le nto, sigqibe kwelokuba ukonyulwa kwabagqatswa bobuceba makuxhomekeke kuni bantu,” utsho uZuma.

Umemelele kuluntu ukuba luyiqaphele indlela abasebenza ngayo ooceba “khon’ ukuze xa bengenzi kakuhle basuswe abo”.

UZuma ukwathe, luxanduva looceba ukusoloko bebonakala phakathi koluntu, futhi bafumaneke msinya xa befunwa ngabantu.

Ukwathe, ooceba kuza-kufuneka batyikitye izivumelwano zokusebenza khon’ ukuze ongasebenzi kakuhle “simkhuphele ngaphandle”.

“Amagosa kamasipala makahlukane nokwenza ushishino nomasipala kwaye mayiphele into yokuqeshana ngokuzalana nokwazana,” utshilo uZuma, ekwathi ngamagosa angamakhulu amabini anamashumi amathathu anesine (234) athe agwetywa ngenxa yobuqhophololo ukusuka kunyaka ka2014.

Ngethuba ethetha uZuma, bekukho izitulo eziliqela ezingenabantu. Isizakuthi yingqatsini yelanga abantu ebebehleli kuyo ebaleni, de baphumela ngaphandle besiya kwiimoto zabo. Usihlalo we-ANC uBaleka Mbete uthe: “Abantu be-ANC abaze kulo msitho bakwi-42 000, kodwa ngenxa yokutshiswa lilanga, bakhethe ukuzibaleka izitulo apho kukho ilanga.”

Usihlalo we-ANC eMpuma Koloni uPhumulo Masualle uthe, baziva bewongekile beli phondo ukusingatha umsitho ongaka. “Sizakuqhuba nokugaya inkxaso kuyo yonke iMpuma Koloni. Abantu mabathobe amaxhala, akukho apho iya khona iNelson Mandela Bay,” utshilo uMasualle.

UNobhala wamaKomanisi uBlade Nzimande ukwathe i-ANC kufuneka ilugcinile ulawulo lwayo eNelson Mandela Bay.

UMongameli weCosatu uSdumo Dlamini uthe: “Singabasebenzi sithi lifikile ixesha lokuba sisebenzele uKhongolose, aqhubeke nokuphatha.”