Ifunyenwe ibhubhile inkwenkwana ebilahlekile

UAmamkele Lishushu Mpetha obelahlekile. Umfanekiso: SAPS

Umzimba wenkwenkwana enonyaka neenyanga ezilishumi nebilahlekile kule veki, uAmamkele Lishushu Mpetha, ufunyenwe kufutshane nomlambo eNgqeleni.

Lo mzimba ufunyenwe ngabakwaMthatha K9 kwaye usapho lwaqinisekisa ukuba ngenene yinkwenkwana ebiduke ngoMvulo wale veki.

I’solezwe lesiXhosa lipapashe inqaku elibhengeza ukulahleka kuka’Amamkele wakuNomcamba, eNgqeleni. Wayekunye nomakhulu wakhe kowabo xa umakhulu lo eqaphela ukuba ulahlekile – wamkhangela, walumkisa nabamelwane kodwa abazange bamfumane kude kube ufunyanwa engasaphili.

Unobangela wokubhubha kwakhe awuchazwanga.