Kubanjwe indoda enamashumi amabini anesibini yamatyotyombe iMoegsukkel ngamapolisa aseTinarha emva kokuba kuye kwafumaniseka ukuba yiyo ebulale uMicaylen Hendricks (14) obeduke ngosuku lokubhiyozela inkululeko nebisele iziintsuku ezine ingabonwa. Akabuyanga emva kokuba ebethunywe ngunina kwivenkile ekufutshane.
Le ntwazana ibhaqwe sele ibhubhile kwihlathi elikufutshane apho ibibulewelwe khona ngumrhanelwa. Umrhanelwa ubhaqwe ngethuba amapolisa esenza uphando nogaphakathi eziseleni ejongene netyala lokubulala, uzakuvela enkundleni kungekudala.
Amapolisa onke, kuquka naka- K9, awohlangulo olukhawulezileyo aye akhawulezisa iphulo likagqogqa emveni kokuba le ntwazana (14) iye yayokuchazwa njengelahlekileyo kwisikhululo samapolisa aseTinarha. Ingxelo kaSejenti Majola Nkohli wamapolisa ala mmandla ithi, kwangolo suku lunye, le ntwazana yaye yathunywa ngunina wayo kwivenkile ekufutshane emveni kwentsimbi yesibhozo ngorhatya eyokuthenga amanapukeni nongazange aphinde abonwe kunangoku.
“Ugqogqo luye lwaqala kwihlathi elikufutshane ecaleni kwamatyotyombe aziwa ngokuba Moegesukkel. Kwimpela veki amapolisa ophapho nawo aye angenelela ekhangela phezu kwehlathi elo lishinyeneyo, ngecawe baye bakhangela kwamanye amahlathi ala mmandla. Izimvo ezahlukenyo zabahlali ebezivela macala onke ukuncedisana namapolisa.”Utshilo uMajola.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup