Ifunyenwe ingcwatyiwe indoda eNgqushwa!

KUFUNYENWE umzimba wendoda eqikelelwa kumashumi amane eminyaka ungcwatywe ecaleni kwendlela iGcinisa phakathi kweelali iMambalwini neMqwashwini kwidolophu yaseNgqushwa. 


Ngokwengxelo ekhutshwe ngamapolisa eMpuma Koloni, umhlali obezihambela ubone isandla sikamfi sivele kwindawo ebaleka amanzi ecaleni kwendlela waze wazisa amapolisa. 
Ingxelo yamapolisa ithi emva kokuba ethe asikhupha isidumbu asifumene sinamanxeba kumzimba ongentla.
Umfi ungcwatywe nempahla ebeyinxibile nathe amapolisa abalula kuyo isilamba esimnyama nesenziwe ngesikhumba, kwakunye nebhulukhwe embala umeruni. 
Akwathe umfi ubethwele isankwane esimdaka ngokwebala, iimbadada ezimhlophe, uneenwele eziphothiweyo, kwaye unxibe imisesane emithathu, kwiminwe emithathu ekwisandla sasekunene. 
Amapolisa afunisa ngezihlobo zale ndoda, kwaye acela nabani na ongabe ulahlekelwe ngumntu oqikelelwa kule minyaka, nonezi mpawu zingasentla, okanye onganolwazi ngomfi ukuba aqhakamshelane necandelo labacuphi eNgqushwa.