Ifuthe leeNkosi ezingengoTyhali kaNgqika

Kwamhla balubeka unyawo lwabo kweli lizwe abelungu abemi balo abazange baphumla. Ubomi kubo yahlala ingumzamo. Unanamhla oku iinkosi azikabuthi qhwe ubuthongo, aziphumli, azikwazi ukubutya ubuncwane belifa lookhokho bazo.

Ndicinga ukuba mandiphawule ngobume bobukhosi nangentlalo yezizwe zabo kule mihla siphila kuyo. Okokuqala isizwe salo Mzantsi Afrika wanamhlanje, ingakumbi esimnyama, masihlale sisazi ukuba sinesikweleti esingathethekiyo kumaXhosa, ingakumbi angamaRharhabe, ngokuthi alwe naba bangeneleli babarhwaphilizi esele ndibaxelile, kwiimfazwe ezikwisithuba sekhulu leminyaka, kwiimfazwe ezisithoba nakumadabi angenakubalwa.

Oko kuxhathisa kwamaXhosa iminyaka emininzi kangaka kubangele ukuba ezinye izizwe zona zingaziboni zisilwa iimfazwe ezininzi kangaka, kuba bathe befika kuzo abelungu babe sele benxaphile, bediniwe kukulwa. Nangoku ziyabaleka iziganeko zongquzulwano lwabelungu nezinye izizwe ezi, kangangokuba zona zibizwa ngamadabi, hayi iimfazwe.

Amakhalipha, amakroti eenkosi ezingooNdlambe, ooBhotomani beMidange, ooChungwa bamaGqunukhwebe, ooSiyolo beMidushane, ooMdushane bamaNdlambe, ooToyise bamaGasela ooMhala bamaNdlambe, ooMaqoma bamaJingqi ooTyhali beMingcangathelo, ooXhoxho, ooSandile bamaNgqika, asinceda satsho sasinda kwintshabalalo eyehlela izizwe zemveli kumazwe aseKhanada, eNyuzilendi, eOstreliya, nakwiMelika engaseNtla nengeZantsi. Kula mazwe ndiwaxelayo iinzalelwane zakhona zabhujiswa, zatshatyalaliswa kangangokuba xa kunamhlanje alikho ithemba lokuba zingaze ziwalawule loo mazwe ookhokho bazo kuba kaloku sele babambalwa ngoku kunabantu bokufika. Ndithi mna ezo zizwe zizinzalelwane apho azisawazi nakakuhle amasiko nezithethe zazo. Azisakwazi nokusebenzisa iilwimi zazo.

UNkos’uTyhali kaNgqika lo sithetha ngaye uyenye yeeNkosi ezingazange zikwamkele ukugonyamelwa ngabelungu. Ziinkosi ezafa zingazange zithi umlungu ungcono kunomAfrika. Abazange bavume ukuba ulwimi lomlungu lungcono kunolwabo.

Abazange bavume ukuba inkcubeko yomlungu ingcono kuneyabo. Abazange bavume ukuba indlela umlungu amnqula ngayo uThixo ingcono kule yabo. Abazange ooNkos’uTyhali bavume ukuba indlela yolawulo yomlungu ingcono kuneyabo.

Le nto kuthiwa yidemokhrasi, oko ukuthi, ulawulo ngokwentando yesininzi, ayizange ifike nomlungu. Ukusuk’apho umlungu ufike wayitshabalalisa inkqubo yolawulo ngokwentando yabantu. Iinkosi zeli lizwe bezingayifunzi impi zingavananga nabantu bazo.

Kanti ngamanye amaxesha bezinyanzelwa ngabantu ukuba zihlasele kutshaba. Khangela mhla abelungu baphunga uNkos’uXhoxho, umntakwaboTyhali, ngembumbulu eyamgruzula nje kancinci aph’ebunzi, kodwa yamgila wadidizela wawa phantsi, ooNkos’uMaqoma bazama bancama benqand’isizwe ukuba singabahlaseli abelungu. UKumkan’uHintsa (Ah! Zanzolo) wazama wahluleka naye ukuyinqanda loo mfazwe, onganyelwe sisizwe esasingafuni nokuva ngokuchithwa kwegazi loMntwan’eNkosi.

Ukuba ndinyanisile ke ukuba ezi nkosi azizange zikholelwe ekubeni umlungu ungasentla kumnt’omnyama, kungani ke ukuba iinkosi ezinjengoTyhali zikhulule imihlaba ukuba kwakhiwe kuyo iicawe nezikolo? Kungenxa yokuba, okokuqala, aba abantu babe zinyanzela kwezi zizwe. Khumbula ukuba ndithe ziindwendwe ezingamenywanga.

Okwesibini, ezi nkosi zabona ukuba aba bantu abazimiselanga kugoduka, baphelel’apha; ngoko ke kwaba yimfuneko ukuba bayazi indlela abathetha ngayo, abaphila ngayo, nabanqula ngayo. Ekunxulumaneni kwabo naba belungu bakwazile ukufumana ukuba bathetha beziphikisa xa beshumayela ngebhayibhile. Bathi ithi ibhayibhile makungabulawa kodwa bona babe bengabulali bebhubhisa. Ukuz’uqonde ukuba isegazini labo into yokubulala bade babulala uNyana kaThixo engenzanga nto. Mhla uMqoma wayalela ukuba kungcwatywe usana lomnye wabafazi bakhe luhleli kuba ekrexezile, wabhidana nomfundisi owayeqhub’icawe emhlabeni wakhe, embuza ukuba asikwanguye na othi ith’ibhayibhile makungakrexezwa.

Ifuthe leenkosi ezinjengoTyhali lenze ukuba oonyana neentombi zeAfrika bawelele phesheya kolwandle, besiya kufuna le mfundo yaba belungu khon’ukuze bakwazi ukumelana nabo. Oovulindlela abanjengoTiyo kaSoga batsho bakwazi ukubhala iincwadi ngesiXhosa, noonyana babo bangoogqirha abangabefundisi.

OoNkos’uDyani Tshatshu wamaNtinde wafunda watsho wakwazi ukuba likhonkco phakathi kweenkosi zakokwabo nabelungu, watsho wakwazi ukunqanda iimfazwe engezazitshabalalise amawabo ethe akakwazi ukuqonda ulwimi lomlungu.

Imibuzo emasizibuze yona ithi, “Ingaba sasilamba na nokuba sasihlutha singekangenelwa ngabelungu?

Ingaba wayengaphenduli na uThixo xa simthandaza ngezinyanya zethu ngamaxesha obunzima? Ingaba yayingani na imvula ngexesha lembalela sakuthandaza? Ingaba abantwana nabafazi babedlwengulwa, baxhatshazwe, bade babulawe ngolu hlobo silubonayo na?”

Besenditshilo ukuba inkosi kwizigqibo ezithathayo yayikhokelwa ziimfuno neemfanelo zabantu. Singalibalanga, iinkosi kwamfamlibe zazingabaxoxi bamatyala. Inkundla zazo ifikelelwa nguye wonke umntu oyindoda.

Usapho oluquka umfazi nabantwana lumelwa ngumninimzi ematyaleni, khon’ukuze sikhuseleke isidima solo sapho. Iinjongo zoko zazingazange zibe kukucinezela.

Kwezi nkundla ke akuhlawulwa mntu ukuze kufunyanwe ubulungisa, koko wonke ummi uzibona enoxanduva lokuba yinxalenye yeenzame zokuxazulula iingxaki ezidla umzi, khon’ukuze kuhlaliswane ngoxolo nobulungisa.

Mhla izifundiswa zafikelwa ngumbono wokuba kwakhiwe ingqungquthela yokumanya umz’oNtsundu, abantu bokuqala ukuya kufuna iintsikelelo nenkxaso yalowo mbono yabaziinkosi zabo.

Kulo nquleqhu yokujikeleza bethetha neenkosi kumaKomkhulu azo, ooMfundis’uRhubusana, bade babhala iincwadi ngezibongo zezo nkosi nangeembali zezizwe zazo. Yavela ngelo xesha incwadi yakhe eyimbalasane egama lithi ZEMK’IINKOMO, MAGWALANDINI.

Umgaqo-Siseko waloo Ngqungquthela yeSizwe samaAfrika wawunomhlathi owawuseka iNdlu yeeNkosi, zaze iiKumkani zona zanikwa iwonga lokuba ngooMongameli ngeMbeko. Le nto yokusekwa kweNdlu yeeNkosi yayisekelwe kwisiko lolawulo lweSintu.

Kaloku imicimbi ibixoxwa sisizwe, simelwe ngamaphakathi, kuze kuthi ke kwakuba kufikelelwe kwisigqibo kuyiwe kuxelwa enkosini, yona ihleli namaphakathi ogaga.

Inkosi ke iva ive ivakalise uluvo lwayo, isebenzisa isiphiwo sokuba yona iyakwazi ukuvelela zonke iinkalo kumba lowo, itsho ikwazi ke ngoko ukuvela nesigqibo esanelisa wonke ubani.

Le Ndlu yeeNkosi ke apha kwiAfrican National Congress idilizwe phaya kwisithuba sonyaka ka1932, ngexesha iNgqungquthela le ikhokelwe nguGqirha uXuma waseNgcobo.

Andisazi esona sizathu soko, ngaphandle nje kokuba wayekhuphe umyalelo wokuba umgaqosiseko ubhalwe ngokutsha ligqwetha lomlungu uBram Fischer, owathi yena wavelisa umqulu onamaphepha amathathu kuphela, ungabhekisanga nokubhekisa kubukho neNdlu yeeNkosi. UXuma lo ke wayeneNkosikazi yomlungu.

Phofu ikho into ethi iNdlu le yeeNkosi yayekwa yazidilikela kuba kwakusoyikiselwa into yokuba iinkosi zibe ngamaxhoba okungcungcuthekiswa lula ngumbuso wabelungu ngenxa yokuzibandakanya ne-ANC eyaybonwa njengotshaba ngumbuso lowo wamadlagusha.

Zimi phi ke xa kukule mihla iinkosi, eziyinzala yezo nkosi zexesha likaTyhali? Njengoko inkululeko nelizwe lathi lohluthwa ngabelungu liselulawulweni lwazo, ingaba ezi zikhoyo zikwindawo engebabe kuzo ooTyhali? Njengokuba impendulo kulo mbuzo wam wesibini inguhayi, ingaba ooTyhali bebeya kuthi kufanelekile? Impendulo nalapho nguhayi.

Ingaba kungani ukuba sithi sakukhululeka kumatyathanga engcinezelo yomlungu, mlungu lowo owazama ukububulala ubukhosi, sisuke thina sigqibezele umsebenzi owamohlulayo umlungu? Senziwa yintoni, sisenzela ntoni?

Ingaba sithi ookhokho bethu babe ngenangqiqo bona le nto ezabo iinkokheli zazikhethwa ngokomnombo wookhokho bazo?

Yintoni ebangela ukuba senze izinto ezibonakalisa ukuzithiya kwethu singumz’oNtsundu? Ingaba kungenxa yokuba zona zingazange zishiye imizi namakhaya azo, zisingise elubhacweni? Ingaba kungenxa yokuba zathi zahlala nezizwe zazo, zalawula ziphantsi kwedyokhwe yomlungu? Ukuba ingaba sisizathu eso, sithi ngezazenze njani? Andithi siyazi ukuba abathinjwa bokuqala abafuduselwa kwiSiqithi sikaNxele ziinkosi ezinoSiyolo, ooQhwesha, ooMaqoma, ooFadana? Ingaba sisakhumbula ukuba uSiyolo wagcinwa kweso Siqithi iminyaka ekwishumi elinesixhenxe? Noko ndiyakholwa ukuba siyazi ukuba uMaqoma kuphela kwebanjwa elagcinwa kwesiya Siqithi kwade kwaba kabini, wade wagwetyengelwa khona kwixa lesibini, ngesizathu sokuba uthe asakube ekhululwe emva kokugqiba isigwebo sokuqala wathabathisa apho wayeyeke khona ukuleles ilizwe looyisemkhulu.

Thina ke bantu bakholelwayo ngaphandle kwentandabuzo kwizinyanya zethu, siqinisekile ukuba kungenxa yokuvalelwa ngaphandle kulawulo olululo kweli lizwe, kungumbhodamo kunje nje namhlanje. Izinyanya ziqumbile.

Ukuba simxabisile uNkos’uTyhali kaNgqika nazo zonke iinkosi ezazikhusela eli lizwe ngexesha lazo, masibeke inzala yazo endaweni yazo. Kungenjalo maliphume licace elithi akusekho xesha labukhosi.

*UPhathekile Holomisa (Ah! Dilizintaba!) yinkosi yamaHegebe, liLungu lePalamente noSekela Mphathiswa weSebe lobuLungisa neeNkonzo zoLuleko