Igadi yeenkedama nabahlolokazi

UPhillip Phiri noViwe Jonas beprojekthi yezolimo eOceanview eJeffreys Bay UMFANEKISO: UTHUNYELWE

 XA bebuyela esikolweni abantwana baseKing’s College Primary eOceanview, eJeffreys Bay, iya kube itelezela yimifuno enesondlo igadi yesikolo.


Le gadi ityalwe imifuno ebangela ukuba kondliwe abantwana besi sikolo, abangamakhulu amathathu anamashumi amahlanu (350), kabini ngosuku.

Le gadi ityala imifuno ngohlobo lwayo lwendalo nanjengoko ingasebenzisi zichumisi okanye izinto ezibangela ukuba ikhule ngokukhawuleza.

Oku kuyenza ibe nesongo imifuno eveliswa kule gadi.

“Le gadi yenziwa ngohlobo olubangela uzinzo kwindalo. Yondla abafundi ze iphinde yondle nootitshala kwaneentsapho zawo.

 Enye inxalenye yale mifuno inikwa abahlolokazi abadala kwanabantwana abangenabazali apha ekuhlaleni.

“Enye inxalenye iza kuthengiswa ukuze kukwazeke ukuthengwa kwezithole nembewu,” utshilo uHlengiwe Radebe, onguMlawuli woPhuhliso lwezoQoqosho kwiFama yoPhehlombane ngoMoya yaseJeffreys Bay.

Esi sikolo sifundisa abantwana baseOceanview, Pellsrus, Tokyo Sexwale, kwanaseKrusifontein, KwaNomzamo, Hankey, Weston neendawo ezingqongileyo.