Igadi yokuphozisa ingxinano engqondweni

UMama wekhaya iStep Ahead Childhood Development Centre eAmalinda ekunye nabantwana ebebonwabele usukuku lukaMandela umfankeiso: Isolezwe

Umama wekhaya eligcina abantwana abangamaxhoba oxhatshazo iStep Ahead Early Childhood Development Centre eAmalinda eMonti uNondumiso Mpitimpiti, uthi eyona nto imonwabisayo kwela khaya kukubona abantwana befumana uthando.

UMpitimpiti ukudize oku ngethuba kuphehlelelwa igadi yeti enjongo zayo ikukuphulula nokuphozisa ingxinano engqondweni kweli khaya ngoLwesibini iphehlelelwa yiClover Mama Afrika kwakunye neMIX Telematics nezigqibe ukuba oku kwenziwe ngosuku apho bekubhiyozelwa usuku lokuzalwa kukaNelson Mandela owaseyasuka ngumongameli loMzantsi Afrika.

UMpitimpiti uthe waphumelela imali engange-R100 000 kunyaka ophelileyo kumawonga ebebanjelwe eNtshona Koloni kunyaka ophelileyo mawonga lawo ebebizwa ukuba yiCleanliness and Hygiene Awards. Kukhuphiswano olu, bekukhethwa ikhaya elithe laqatsela kucoceko.

Lo mama uthi kwizinto ezithe zongezelelwa kwikhaya eli nebeziphehlelelwa ngolusuku kuquka igadi yokuphulula ingqondo enezitulo zayo, umatshini wokukhupha umsi ngaphandle kwisitovu xa kubhakwa izonka kwakunye namaqebengwana la athengiswa kwikhaya eli.

Zonke ezi zinto yimali le wayeyiphumelele kuba esithi awunikwa mali esandleni koko udwelisa izinto ezinqongopheleyo kwindawo yakho kuthengwe zona ngemali oyiphumeleleyo.

UMpitimpiti uthi wonelisekile ngumsebenzi asele ewenzele uluntu eStep Ahead Early Childhood Development Centre. “Kuzo zonke iingxaki endiye ndidibane nazo, ndiye ndithembele kuNkulunkulu,” utshilo uMpitimpit.