Igalelekile i2016 Opel Astra

ayifikanga igalelekile ngoTshazimpuzi eMzantsi-Afrika; ifike seyirhuqa isicoco sayo semoto yonyaka ka2016 eYurophu. Sithetha nge-Opel Astra entsha. Intsha apha kuthi, kodwa bekuseziinyanga ifumaneka phesheya. Kodwa asikhalazi, sesivuyela izibiliboco ezo iza nazo kweli nqanaba leemoto zesishwapa (hatchback) zokuthuta iintsapho ngobucwebe.

Bekusitsho bona abakwa-Opel ukuba i-Astra entsha iphucuke kangangokuba ithande ukucela umngeni kwezo zikwinqanaba eliphezulwana ii-BMW 1-Series nee-Mercedes-Benz A-Class. Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo besikwitheko lokwaziswa ngokufika kwale nkintsela i-Opel Astra apha kweli lizwe, theko elo elisisuse e-Monti lasifathulisa amathafa e-Ntshona-Koloni ngokugwegweleza ngase-Cathcart ukudlula e-Bofolo nase-Rhini ukuyotsho e-Mambozana.

Le intsha i-Astra sisizukulu seshumi-elinanye. Inoba usakhumbula iyi-Kadett mzukwana. Le ikhonya ukuphucuka kwiindawo zonke ezibalulekileyo ekuphileni nayo mihla ngemihla.

Phakathi kwezonto ziphuculiweyo bubunzima bomzimba wayo, kukhaphulwe i-200kg yonke. Ubumbo lwayo ngaphandle kwenze ibemtyibilizi emoyeni endleleni. Iinjini ezintsha ze-ECOTEC kuluhlu lonke zirhabula ithontsi ngobunene bhetele kunakudala.

Umzimba wayo unciphile, ukusuka ngemva ukuya phambili uncitshiswe nge-5cm. Kodwa isisthuba ngaphakathi sandile. Isithuba ebhuthini sisafana kodwa.

Endleleni sikhe safumana amathuba okuvavanya iintlobo zeenjini zonke ze-Astra entsha. Eye-1.0 Turbo ECOTEC ecoFLEX intsha kwi-Astra (ibiqala kwi-1.4litre kudala). Kule ufumana amandla angange-77kW/170Nm. Yeyona iphunga ithontsi kancinci ku-4.3lt/100km ikhuphe 99g CO2/km. Phofu ayingolova xa ikwazi ukufikelela ku-200km/* . Elandelayo yi-1.4 Turbo ECOTEC ebesikhe sayingcamla sayithanda kwi-Opel Corsa Sport. Amandla ayi-110kW/230Nm (245Nm kwi-Automatic). Ithule, yenza nje umsebenzi wayo ngokungakhalazi. Isuka emgceni ifike ku-100km/* nge-8.5secs (9secs kwi-Automatic) iphelelwe ngumfutho ku-215km/* . Yona ithandeka ngoba itsala kwisantya senjini esiphantsi phaya phakathi kwe-2000 rpm ukuyotsho ku-4000 rpm. Yi-1.6 Turbo ECOTEC ene-147kW/280Nm eyiyeyona enamandla. Idlual ku-100km/* nge-7secs iyotsho ku-235km/* .

Abazingca ngako kwi-Opel Astra entsha kukwezobungcali nobuchwephesha. Elona nqaku yi-IntelliLux Matrix system yoba esebenza ebusuku ngokukhanyisa kude kunesiqhelo. Uyakwazi ukubona ukuyotsho kwi-350meters phambili. I-IntelliLux Matrix iphinde ikwazi nokukhetha oko ikukhanyisayo. Iyakwazi ukubona imoto isiza phambi kwakho, icime izibane ezithile ukuze ingaphandli lo moto izayo, kodwa wena mqhubi ungathintanga nto kwi-Astra, ezi zibane ziyazicingela, ziyazilawula. Ziyakwazi ukulandela negophe lendlela.

Kwezokhuseleko, kukho i-Forward Collision Warning ekwalathisa xa isantya siphezulu uzokutshayisa engaphambili imoto, Active Emergency Braking ebamba izibambo xa ibona ukuba umqhubi akade asabele isalathiso se-FCW. I-Astra iyakwazi nokukuxelela umgama olandela ngawo imoto engaphambili. Iyakwazi ukufunda iibhodi zezalathiso zesantya endleleni, iphinde ikwazi ukukugcina kwicala lakho lendlela ngokwayo.

Kwezokudlala, i-Apple CarPlay ne-Android Auto ziyafumaneka.

Sithanda: Iza nokuninzi okuqhele ukufumaneka kwinqanaba elingaphezulu kweli, eza zitulo zishushubezekayo ngemva zamkelelike, amaxabiso ayancumisa, ubucwebe buyabonakala ngaphakathi buyavakala endleleni, intle mpela.

Asithandi: Eza zibane ze-IntelliLux LED Matrix system ngezifumaneka noba kukwi-1.4T Sport.

Amaxabiso aqala ku:

R254 000 – Opel Astra 1.0T Essentia

Ukuyokutsho ku: R387 000 – Opel Astra 1.6T Sport MT.

Twitter @ilisolezwe / @doughZAR