Igalelekile inqwelo-moya entsha eMthatha

Inqwelo-moya yakwaFly Blue Crane eMthatha Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Umphathiswa wesebe lezothutho, ukhuseleko nonxibelwano eMpuma Koloni utyhile ngokusesikweni inkampani yakwaFly Blue Crane ezosebenzisa umzila ophakathi koMthatha neRhawuti ngexabiso eliqala kuR799 mntu ngamnye. Inqwelo-moya yale nkampani ichophe okokuqala ngempelaveki edlulileyo kwaye izosebenzisa inqwelo-moya ezimbini kulo mzila.

Ethetha kulo msitho eMthatha izolo, umphathiswa uWeziwe Tikana uthe okutyhilwa kwale nqwelo-moya akuzuzisa amathuba emisebenzi kumasipala weKing Sabata Dalindyebo kuphela kodwa kuzoxhamlisa nabanye oomasipala abancinane phantsi kweO.R. Tambo. Uthe indawo ezifana neSajonisi neziselunxwemeni kuzobalula ukufikelela kuzo. “Siyavuya kakhulu ekugqibeleni ide yaqala ukusebenza iFly Blue Crane ukunxulumanisa uMthatha neGoli iintsuku ezisixhenxe ngeveki!” utshilo uTikana. Urhulumente usenenjongo zokufaka ezinye iinqwelo-moya kumzila ophakathi koMthatha neKapa, Bhayi, neThekwini kule minyaka mithathu ilandelayo.

Umphathiswa uTikana ukwathe: “Ubukho bale nkampani kuzonyusa uqoqosho kwiphondo leMpuma Koloni kuba sele kuqeshwe ishumi elinesine labantu kule nqwelo moya yokuqala kwaye kusazoqeshwa nabanye abantu.”

Le nkampani yakwaFly Blue Crane intsha kwezophapho eMzantsi Afrika njengoko iqale ngomhla wokuqala kuSeptemba kunyaka ophelileyo. Ingqonyela kule nkampani uSizakele Mzimela uthe bayavuya ukufumana lo mzila mtsha, bazisa iinkonzo ezikumgangatho ophezulu ngexabiso eliphantsi ngeenzame zokukhuthaza inkonzo yophapho. OkaMzimela ukwathe bazokuqhubeka bekhangela nenkxaso ukuze bakwazi ukusebenza bande. Usodolophu waseKSD uDumani Zozo uthi ukufika kweFly Blue Crane kuzozisa ukhuphiswano lweenqwelo-moya eKSD njengoko oku ilutyalo-mali.

Usihlalo webhunga loosomashishi eMthatha uVuyisile Ntlabathi uthe: “Oku kukufezekiseka kwephupha kwicandelo lezoshishino kule ngingqi. Abantu balapha bebefudula beqesha izithuthi eMonti, besitya kwaphaya, beqesha nendawo zokuhlala khona kodwa ngoku lo nto izokwenzeka apha kunyuke uqoqosho lwalapha.”