Igalelekile kunomathotholo iRhythm FM!

AKUSENTSUKU zatywala abathandi bakanomathotholo bajije iqhosha baphulaphule isikhululo esitsha kraca – iRhythm FM.

Esi sikhululo sitsha, nesilindwe ngamehlo neendlebe ezininzi kwiMpuma Koloni, kulindeleke ukuba sibesemoyeni kungekudala, ngokutsho komanejala waso uPutco Mafani.

UMafani, becacisela abaphulaphuli abalinde ngomdla ukuba iRhythm FM, nebisele iqalile ukuvakala kwezinye iindawo zeMpuma Koloni ukuba izakube isemoyeni kungekudala.

UBhutiza, nobefudula ebhexesha iBEE yoMhlobo Wenene FM, ubhale kwikhasi lakhe likaFacebook ekuqaleni kweveki esithi, iRhythm FM ayikasasazi ngokugqibeleleyo nanjengoko kusalungiswa iipali zokuhambisa amaza omoya.

“IRhythm FM ayikabiso sikhululo esisasaza iiyure ezingama-24 okwangoku, kodwa sisavavanya iitransimitha zethu kwiindawo ezithile.”

UMafani ukwadize ukuba xa sisiya emoyeni isikhululo esi sakwandulelwa ngumsitho wokusisungula ngokusesikweni.

“Wonke umntu uzakuyazi xa isikhululo esi sisiya emoyeni kuba sakwandulelwa ngumsitho wokusisungula.”

“Ziivekana nje ezimbalwa ngoku, kwaye umhla wokuvula uzakubhengezwa kungekudala ,” kubhala uMafani, ogqibezele loo mbhalo ngophawo oluthi #TheAirwavesAreWaiting.

Eli qhawe lezosasazo lukanomathotholo libeke phantsi umboko woMhlobo Wenene FM ebutsheni bukaTshazimpuzi ngeliyokulungiselela ukuqalisa ukuphatha iRhythm FM, nto leyo kudala yabaliphupha kuye. Ngethuba ezibeka phantsi kwesi sikhululo, inkqubo yakhe ibisele itsale into engaphaya kwezigidi ezintathu zabaphulaphuli.

UPutco, unamava angaphaya kwamashumi amabini kusasazo lukanomathotholo.

IRhythm FM, nephantsi kwenkampani kaGiven Mkhari iMSG Africa, izakusasazela eBeacon Bay eMonti.