Igalelo letolofiya eNgqushwa

Igalelo letolofiya eNgqushwa

Igalelo letolofiya eNgqushwa

Itolofiya sisiqhamo esityalwa ngamafama aqikelelwa kumakhulu alithoba eMzantsi Afrika, kodwa uNozukisile Yali noAsive Yali bayikha kumahlathi aseNgqushwa bayithengise.

La makhosikazi athi enza imali ethi incedise iintsapho zawo ngokuthengisa itolofiya, kwaye enza oku elandela ekhondweni labazali babo.

“Kudala yathengiswa itolofiya izihlelele endle. Abazali bethu babesenza ngolu hlobo senza ngalo, bezivunela endle baze kuyithengisa apha ecaleni kohola wendlela uN2,” kucacisa uNozukisile.

Umyinge webhakethi elibunzima buziilitha ezintlanu bawuthengisa ngeshumi leeponti kwabo bagqitha ngale ndlela.

”Xa imini iqhube kakuhle senza imali ekwikhulu leerandi nangaphezulu, bakho ke nabo bathenga amagaqa, lona silibiza iiponti ezimbini,” kutsho uNozukusile.

Rhoqo kuqala unyaka, iindlela eziphambili zeMpuma Koloni eziquka uN2 noN6 zihonjiswa ngamakhosikazi athengisa esi siqhamo sinqabileyo.

“Sivuka ngentseni siye kuvuna emahlathini, sibuye nemithwalo, siyosule size kuyibeka apha, eli xesha enyakeni iyatyeka noko,” utsho uNozukisile.

Ingeniso yeTolofiya icacile kumakhaya wala makhosikazi aseNgqushwa, kwaye iguqula ubomi.

“Kuba izikolo zivulwe kade, sikwazile ukuthenga izinto zokunxiba zesikolo, ngoku siqokelela imali yeejezi zasebusika zabantwana besikolo. Khumbula asithengi ukuze sithengise, sikha ehlathini,” kucacisa uAsive Yali.

Uthi ngenxa yengeniso abayenza apha bayakwazi ukuthenga ukutya emakhayeni rhoqo xa bebuya kuthengisa.

“Into efunekayo kukukhuthala nokuzinikela kuwe qha, itolofiya ikhona ehlathini ikulindile, asikho ke isizathu sokuba kulanjwe, ingakumbi ngeli xesha isekhoyo ehlathini,” utsho uAsive.

Bathi nangona izihlelele endle le tolofiya, zikho iingxaki abathi badibane nazo xa bezingela imithi yayo.

“Amanye amafama anomona kaloku, la mahlathi asezifameni zawo, ngoku sikhe sigxothwe okanye sileqwe kusithwa sinyathela ingca necingo,” utsho uAsive.

Batyhola urhulumente ngokungaliqapheli olu hlobo lwabo loshishino nangona linegalelo elihle ekuhlaleni.

“Sicela izixhobo zokuvuna le tolofiya kurhulumente. Izixhobo zokuthutha, izixhobo zokuzikhusela, siyahlatywa ngamanye amaxesha xa sivuna,” kucacisa uAsive.

Amafama asakhulayo kweli anolwazi oluncinci kakhulu ngokutyala itolofiya logama linyukayo inani leemveliso zayo kwihlabathi.

Umthi wetolofiya uthanda ukuzimela enzulwini yehlathi phakathi kwemithi enameva. Igaqa layo likhula kwibhlayi elibambelele kwisikhondo somthi wetolofiya.

Iivenkile ezifana noWoolworths, Pick ’n Pay noCheckers ziyayithengisa itolofiya.

Imveliso yayo iyayenza ibhiya, iwayini kwakunye nezinto zokuthambisa ulusu kumahomba.

Xa iqhuba kakuhle itolofiya ithengisa amashumi asixhenxe amawaka eerandi (R70 000) itoni kweli loMzantsi Afrika. Ingxelo ekhutshwe ngabakwaAgricultural Research Council (ARC) ithi amafama weli avukelwa ngumdla kwitolofiya. Oku kungenxa yenguqu eyenzeka kwimozulu kwihlabathi nembalela. Ingcali eyenze olu phando uHermanus Fouche uthi amafama atshintsha iimveliso zawo ngenxa yembalela, avelisa itolofiya.

“ENtshona Koloni kukho umfama obekade evelisa idriwa, ngoku ngenxa yokubethwa kukuguquka kwemozulu nembalela, uthathe isigqibo sokutyala itolofiya, kulula ukuyikhulisa, kodwa ithatha ixesha,” kutsho uFouche.

Le ngxelo yeARC ithi zikumakhulu alithoba iifama ezivelisa itolofiya kuMzantsi Afrika, kumyinge womhlaba oziihektare ezingamawaka amane namakhulu amahlanu. Xa kuvunwa amafama adinga abasebenzi abakumawaka asixhenxe namakhulu amahlanu ukuze kuvunwe ngempumelelo.

Iindawo ezahlukeneyo zoMzantsi Afrika zivuna ngamaxesha ahlukeneyo, iMpuma Koloni ivuna itolofiya kwiinyanga zokuqala zonyaka, logama iindawo ezikumantla elizwe zivuna kwiinyanga zokuphela konyaka. Ihektare enye yetolofiya ivelisa iitoni ezingamashumi amabini ukuya kumashumi amathathu. Ngolwazi oluthe vetshe amafama angakhangela ulwazi kwiSouth African Cactus Pear Growers Association (SACPGA).