Igama likaJessica Mbangeni alizukutshabalala, utsho uMabuyane!

Ongasekhoyo uGqirha Bhishopu Jessica Mbangeni kwakunye nomama wakhe.

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uLubabalo Oscar Mabuyane, uthi igalelo kwanegama likaThembeka Jessica Mbangeni malingapheli maliqhubekeke kuba uyinxalenye ngoku yomzila akwakuthi kuthethwe ngaye naye xa kubalulwa amagqala aphuma eAmathole. UMabuyane ebethetha kwinkonzo yomngcwabo kaJessica ngoMgqibelo, eKhothane, eNgqamakhwe.

“Ndizakuqinisekisa ke ukuba pha eburhulumenteni ukuba ikhona into eyakuthi ibizwe ngegama lakhe khonukuze lingaze litshabalale igama lakhe. Ngokwenza njalo sinika imbeko kwiimbongi ezingasekhoyo nezikhoyo, ukugqamisa igama lakhe.”

UMabuyane uqhubeke ngokuncoma usapho lukaJessica olumbeke kwikhaya lakhe lokuzalwa. Uthi ngenxa yendlela ebeyiyo khange afune kulala eGoli kuba ebeyazi xa idlaka lakhe likule ndawo abantu kwanabantwana abajonge kuye nababencanca kuye ngokolwazi bazakukwazi ukulibona idlaka lakhe bayazi ukuba kweli dlaka kulele uJessica owayeyinto ethile.

Uthi uJessica ebengazideleli kuba abantu basezilalini bathatha ixesha ukuze bafudumale kuba bezoyikisela. “UJessica ushiye ebafundisile abantwana bakhe kwanabasezilalini ukuba le ndawo usuka kuyo ayinakukubophelela ukuba ungabheki phambili okanye ungabiyilento unqwenela ukuba yiyo. Inkululeko esikuyo isifundise ukuba ungaya naphi na apho ufuna ukuya khona. UJessica ubenguloo mzekelo ke” utshilo uMabuyane.

Uvale ngelithi le mbongi imke kanye ngexesha elibi apho ilizwe lijongene nomceli-mngeni weziyobisi, imke ngexesha apho abantwana badinga abantu abaza kubakhokela babe yimizekelo. Uthi yanga uluntu lungatyala inkathalo nothando ngengoJessica obethanda abantu engakhathalelanga siqu sakhe nasapho lwakhe kuphela.

UInako Mateza oyimbongi nokwanguMiss Indoni SA 2023/24 waseNgqamakhwe, uthi ulahlekelwe akayazi angakufanisa nantoni ukuncothulwa kukaJessica. Uthi uJessica ebingengengomzekelo qha kuye ebekwafana nokuba ngumama. Uthi kuninzi akuncancileyo.

“Kwisikhwebu sakhe sombona ebenaso umama uJessica Mbangeni undichubele iinkozwana, ubesoloko endomeleza ngelithi kona akululanga kwezobugcisa kodwa zendibengathi ndiyatyhalwa, zendizingxale ndizinyanzele ukuba andenzanga njalo andisokuze ndijongelwe ntweni.

“Ebesoloko esithi elothutyana ndilifumeneyo ndabizwa kuloo ndawo zendilamkele kuba asazi ukuba ngubani onokuthi andibone andichonge, andigushe, andenze owakhe. Ebeyithanda indlela yam yobuntombi ebendiyihamba de wathi ndifake unyana wakhe phantsi kwekhwapha lam.”

UMateza uthi ukwafundiswe nguJessica ukuba ahlale ezingca kwaye ezidla ngesinxibo sakwaNtu. “Ebendomeleza ngelithi nokuba ndingayaphi ndingaze ndizilibale ndiyilahle indlela esinxiba ngayo singumdak’omnyama, ebengandenzeli umzekelo ngabanye abantu, ebendenzela umzekelo ngaye ngelithi ebesiya eDubai naseSingapore ehanjiswa kukuba ezingca ngenkcubeko yakhe,” utshilo uMateza.

Umntakwabo Jessica, uSibusiso Mbangeni, uthe ubulela uthando abathe balufumana kuluntu jikelele ukuzokulilisana nabo ngeli xesha lobunzima, besuka kumazwe nakumaPhondo. Uthi ithemba bebenalo lokuba uzakuphila usisi wakhe nothe wabhubha kanye ngenyanga yakhe yokuzalwa kwanangenyanga yamanina.

Omnye welungu losapho nokwangomnye wabahlobo abakhule bonke emakhaya baphinda bahlala bonke eGoli, uTobeka Vicky Ginya uthi uthando kwanenkathalo kaJessica ayisoze ilibaleke. Uthi ebengenamntu utheni ingakumbi ukuba usuka eMpuma Koloni ebekwenza owakhe.

“Sisashiyeke sizibuza ukuba ngenene umkile uThembeka. Kona akukho lula kwaye indalo kaThixo besingekhe siyiphikise. Ukusweleka kwakhe akothusanga thina silusapho kuphela kothuse ilizwe jikelele kuba udadewethu ebengengowethu sodwa ebekwangowelizwe,” utshilo uGinya.

UGinya naye ukwabulele inkxaso abayifumene kuluntu jikelele nakubahlali bendawo azalelwe kuyo ‘uJess’ ngokohlobo ebebizwa ngayo lusapho nangabahlobo.

UDumza Maswana nobengumbhexeshi wenkonzo kaJessica uthi kule minyaka ebenayo uJessica kuninzi akukhawulezisileyo wakwenza okungathi ebezazi ukuba uyahamba. “Ndingomnye wabathe wabanenyhweba yokuhamba amazwe noJessica sisabelana ngeqonga sobabini kuloo mazwe,” utshilo uDumza.

UJessica ubhubhe ngomhla wama31 kwinyanga ephelileyo, kweyeThupha, emva kwengulo emfutshane. Ngasemva ushiya oonyana bakhe ababini uNjongo noSikhaliphile, umama wakhe, umnakwabo kwakunye nodade wakhe uTembeka.

UJessica uwahambile amazwe ngamazwe aphesheya kwezilwandle ephakamisa igama laseMpuma Koloni naseMzantsi Afrika ebonga. Ukubonga ibiyinto yabantu abangootata kodwa ufundise abaninzi ukuba nababhinqileyo bayakwazi ukukhwela eqongeni babonge.