IGazi liphinde labuya!

IGAZI – Isiqendu sokuqala: Kwenzekani?

Sigqibele uNomarussia  (odlalwa nguVathiswa Ndara) esiya entolongweni, ofanele isihlalo sobukhosi uBantu ethabatha isihlalo sakhe sobukhosi ngelixa amandla obumnyama egubungele  isidumbu somntakwabo uJonga (Thami Mngqolo).

UZolisa Xaluva weHustle, uChumani Pan weAshes to Ashes noAyanda McKayi weMTV Shuga: Down South bazakube bezibandakanya nale sizini intsha.


Abendlu yobukhosi basazama ukuqhubela phambili nobomi ngaphandle koNomarussia, kodwa abazi ukuba ukhona omnye umoya wobumnyama obalindeleyo.

Ukongeza ityuwa enxebeni – usuku olukhulu lukaBantu (odlalwa nguAnga Makubalo) noPhumza (odlalwa nguTalitha Ndima) lulindelwe yintlekele.

Ingaba oku kuza kubuchaphazela njani ubudlelwane besi sibini?

Kwesi siqendu sokuqala, sibona uNomarussia (Vathiswa Ndara) enkolo-nkoloza ngaphaya kwezitshixo kusenzinyana kuye ukwamkela ilahleko yakhe.

Kule sizini intsha yalo mdlalo uyindumasi wesiXhosa, ukukrwempana ngenxa yesihlalo sobukhosi kuyaqhubeka, nalapho sibona uBantu elwela konke akuthandayo ngelixa yena uNomarussia ethubeleza ezama ukubanga okukokwakhe. Kunyaka ophelileyo, lo mdlalo utshotshe entla ngokutsala amanani avisayo wababukeli.

Singakuphosi ke isiqendu sokuqala seGazi Season 2 ngale Cawa ye-9 kuTshazimpuzi ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa , kuphela kwiMzansi Magic (DSTV Channel 161).