Igeza lithengise ikhaya ngeR60 000

Indlu emhlophe ethengiswe kuTyutyu eBhisho imifanekiso: BHEKI RADEBE

Umfundisi uZwelethu Mawuza webandla lamaZiyoni kuTyutyu, eBhisho, kunzima nokuba behle ubuthongo kuye, ukuze behle uye ancedwe ziipilisi ngenxa yentlungu yokuthengiswa kwekhaya labo bengazi.

Oku kulandela emva kokuba ubhuti wabo noliphelo kowabo osele engaphilanga ngokwasengqondweni ngenxeni yeziyobisi, uKhaya, ethe wathengisa ikhaya labo ngeR60 000 ngaphandle kokuhlalelwa phantsi igqitywe lo nto lusapho.

UMfundisi uMawuza okhokela ibandla iApostolic Church in Zion of SA, uthi : “Utata nowayekhokele eli bandla esaphila wayecinga ukuba wenza into entle ngethuba le ndlu wayeyijika kuye eyibhalisa ngoKhaya.

“Utata wayesithi wenzela ukuba xa engenanto uKhaya ashiyeke enento esandleni. Andiqondi ukuba utata wayeyazi ukuba angaze umninawa asijikele kanje. Likhaya lethu eli kwaye elinamangcwaba ootatomkhulu bethu. Nalo mntu uwuthenga njani umzi womntu onamangcwaba awo,” kubuza uMawuza.

“Siphila ngeli khaya kuba sihlala apha, ngasemva kule ndlu ayithengisileyo kuhlala abantu abahlawulayo xa kuphela inyanga. Kwayena uKhaya uphila ngale mali yale ndlu, andiphangeli, naye akaphangeli kuxhonyekekwe kule ndlu yasekhaya ayithengisileyo,” utshilo uMfundisi.

Ngokwengxelo ephuma kuMfundisi, le ndlu ithengiselwe indoda esebenza kwiSebe lezeKhaya eQonce kwaye ivumelene noKhaya ngaphandle kwabo kuba eyibona nemeko kaKhaya “umdelele, emthatha ithuba.”

“Ndiyaxakwa ukuba uyithenga njani indlu kwaye uvumelana naye njani embona ukuba akaphilanga uKhaya kwaye emazi ukuba unoobhuti abadala anokuqala kubo?

UKhaya ngoku sele eyinto ehambe ilala emizini okanye kwiindawo zentselo kuba indlu yakhe uyithengisile. UMfundisi uthi akazumlahlela zandla kuba ekugqibeleni uzalwa naye.

Iingxelo zithi le ndoda yathenga indlu kuKhaya ayifuni nokumamela abahlali abathi mayime ngokwakha, yona yaqhubekeka endaweni yokumamela abahlali, yabiza amapolisa isithi iyahlaselwa.

UMfundisi uthi le ndoda kusoloko kuvakala ilizwi layo kuba yamvulela isithintelo sokhuseleko emapoliseni, kodwa esakhe (Mfundisi) zange sivulwe.

Abahlali esifike bekhona abaxhasa uMfundisi batsho ngazwi linye ukuba ibuhlungu kwaye imbi into eyenziwe yile ndoda yaziwayo, kwaye ixhwele layo likhulu.

“UMfundisi zange wangumntu olwa namntu, uhlala ethobekile, imbi into yokuba ehlelwe yinto embi kanje engengomntu wachuku. Ungumntu osoloko efuna into entle emntwini. Siyamxhasa kuba siyayazi nemeko yakhe uzitsalela nzima.”

UMfundisi uthi akukho mnyango angawungenanga kumasebe karhulumente efuna uncedo. Uyile kwelezindlu eMonti, kwelijongene namalungelo oluntu, kwinkundla yamatyala amancinci nakwaLegal Aid akancedakala.

Uthi apho kubekho ithemba khona kukwiANC eCalata nalapho ibe yindawo emthembisa ngokumhlangula.

Uthi nakuceba waya, wazama uceba ukumlwela kodwa waphela sele eyeka naye. UMfundisi ukhalela uncedo.