Igosa lesebe lezabasebenzi libanjelwe ubuqhophololo

Igosa lesebe lezemisebenzi elineminyaka engamashumi amane ananye (41) libanjwe ngoMvulo wale veki ngezityholo zobuqhophololo eAmalinda Main Road eMonti.

Isithethi samapolisa uLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa uthi amalungu ecandelo lokulwa ubuqhophololo afumene ulwazi kumaxhoba amabini malunga nomntu otyelele iindawo ashishina kuzo efuna imali.

“Ngokweenkcukacha, kutyholwa ukuba waqala ukuqokelela imali kweyeKhala ngo2023 ngethuba umrhanelwa eqokelela imali esithi uyokubhalisa abasebenzi babo ukuze bafumane izibonelelo zeUIF.

“Amaxhoba ebekade eqokelela abhatale imali engangeR3000, kwaye kutshanje, ahlawule imali engangeR1300 kumrhanelwa. Uphando olunzulu olwenziwe ngamapolisa lukhokelele ekubanjweni kwakhe ngoMvulo eAmalinda Main Road ngethuba esemotweni yakhe eqokelela iR1000 kula maxhoba,” utshilo uMawisa.

Umrhanelwa uvelile phambi kwenkundla kamantyi waseMonti ngoLwesibini waze wakhululwa ngebheyile yeR1000. Uzakuvela kwakhona enkundleni ngomhla we19 kweyoMsintsi 2024.