Igosa lesipolisa ligwetyiwe emva kokutya isibindi segusha eliyibileyo

IJIKE yalihlazo elingakholelekiyo inyewe yepolisa elifunyenwe linetyala lobusela bemfuyo, emva kokuba inkundla yengingqi yaseMthatha ive ukuba uWarrant Officer Thamsanqa Maqungu wadiza ukuba urhalela isibindi senye yeegusha awayezibile.

Kutshanje le nkundla ithe nkaa ngesigwebo seminyaka emithathu uWarrant Officer Maqungu (44) kwakunye nonyana wakhe uKhaya Maqungu (19) emva kokufunyanwa benetyala lokuba iigusha ezilishumi elinambini eCentuli, eMthatha, ngonyaka ka2013.

UMaqungu nonyana wakhe, kuquka nomalusi wabo, banqakula iigusha zikaBuyelele Sokhetye (70) zisitya ethafeni kufuphi naseCentuli bazisa kubuhlanti bakwaMaqungu emva koko bazitshintsha inombolo, bezifaka eyakowabo.

UWarrant Officer Maqungu waxhela enye yezigusha, kuba esithi utshile ufuna isibindi. Ngenene yabanjwa igusha ebiweyo, yaxhelwa ukonezisa iinkanuko zesibindi zeli polisa.

Emva kweentsuku ezimbini esifumene isibindi segusha ebiweyo, kwakunye nezinye iinyama ezibalulekileyo kuba eyindoda yekhaya, uMaqungu waphindela emsebenzini eKnysna, eNtshona Koloni, apho wayesebenza njengepolisa kwicandelo lokuthintela ubundlobongela (Crime Prevention Unit).

Ngenxa yokuba igusha ayililibali ikowalo, enye yeegusha zikaSokhetye yaqhweshela kowayo, nto leyo yamenza ukuba othuke kakhulu uSokhetye kuba eyibona inenombolo entsha. USokhetye wabuzisa ngale nombolo, de wakhonjwa kwaMaqungu apho wafika kukho ezinye iigusha ezilishumi.

USokhetye wawubika emapoliseni lo mkhwa kaMaqungu ze amapolisa aqalisa ngophando lwawo.

“Umalusi kaMaqungu, ojike walingqina lombuso, udize ukuba eli polisa lilo elaliququzelela ukubiwa kwezi gusha, futhi layalela ukuba kuxhelwe enye yazo kuba lirhalela isibindi.

“Ebudeni bokuxoxwa kwetyala uWarrant Officer Maqungu kwakunye nonyana wakhe bebesoloko bezibika ukubamsulwa besithi ngumalusi wabo lo ulisela. Kodwa umtshutshisi wethu uSipho Sintwa ukwazile ukubonisa inkundla ukuba ipolisa nonyana walo banetyala,” utshilo osisithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali.

UTyali uthi umbuso ubufuna isigwebo esifanele esi sibini kuba ukubiwa kwemfuyo kuthande ukuqatsela kwimimandla yaseMthatha.