Igosa lezendlela lidliwe iR8 000 emva kwesinyobo seR800

 

Igosa lezendlela kumasipala iKing Sabata Dalindyebo eMthatha, lidliwe amawaka asibhozo eerandi (R8 000) yinkundla yengingqi yaseMthatha emva kokufunyanwa linetyala lobuqhophololo kulandela ukunyanzelisa ukunyotywa amakhulu asibhozo eerandi (R800) ngumqhubi wemoto.

 

UNomathamsanqa Ndube (58) uyalelwe ukuba makahlawule le mali okanye ajongane nesigwebo seminyaka emihlanu eqamele ngengindi ejele.

 

Inkundla yaseMthatha ive ukuba uNdube wanyanzela isinyobo samakhulu asibhozo eerandi ngenyanga yoMdumba ngo2003. Lo mqhubi wale moto wayemise kwindawo egwenxa edolophini eMthatha ngethuba kufika uNdube kwakunye nogxa wakhe besithi bazakuthatha imoto yalo mqhubi ukuba akakhuphi isinyobo seR800.

 

Lo mqhubi waqonda ukuba alikho semthethweni eli nyathelo kodwa wakhupha iR100 esithi enye imali uyakuyilandelisa xa sele eyifumene. Kodwa uNdube, ekunye nogxa wakhe osele wabhubha, bathi bazakuthatha ilayisenisi yalo mqhubi ze bamnike xa sele ekhuphe iR700.

 

Lo mqhubi wabika emapoliseni wacela ukuba alandele apha emva kwakhe xa eyokukhupha iR700. Xa esakhupha loo R700 agaleleka amapolisa ze alibamba eli gosa.

 

Ebudeni bokuxoxwa kwetyala uNdube ebesoloko esithi umsulwa, kuba le mali ebezakuyifaka kwinxili yaseKSD kodwa inkundla ikwazile ukusebenzisa ubungqina nophando oluphambi kwayo ukutshutshisa eli gosa.

 

Isithethi segunya-bantu lezotshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali uthi bayasamkela esi sigwebo, esithi sakuba likhubalo lokuthintela ulwaphulo-mthetho olwenziwa ngabo bathwaliswe uxanduva lokubunqanda.