Igqabi aliwi kude nomthi walo

UMncedi Mbombo (35) welali yaseNqadu kuGatyana, nongunyana woyesakuba ngumfundi weendaba kunomathotho iRadio Transkei uGibson Mbombo, ukholelwa ukuba igqabi aliwi kude nomthi walo

UMncedi sithetha nje usisithethi samapolisa eMotherwell eBhayi.

UMncedi uthe, akuphumelela ibanga leshumi wayakufunda izifundo zobuntatheli eBorder Technikon eMonti. Uthi ungumzekelo nakwabo baphuma ezilalini, into ebonisa ukuba into ofuna ukuyenza ungakwazi ukuyenza.

“Amaphupha am ukuphuma kwam esikolweni yayikuyakufunda iindaba zesiXhosa kuMhlobo Wenene. Kodwa ke ndiye ndaya kuzifunda kwisiKhululo sasekuhlaleni IKhanya Community Radio eGcuwa nendiye ndahlala iminyaka emithathu. Ndithe ndiselapho ndafumana ingqesho esisigxina emapoliseni ngonyaka ka2013. Ndaya ndachulumanca kakhulu ukufumanisa ukuba nasemapoliseni ikhona into enokwenza nobuntatheli kuba ndiyabhala futhi ndithethele amapolisa,” utsho uMbombo.

“Sithetha nje ngunyaka wam wesine ndisebenza njengesithethi samapolisa. Ndonwabile ke kuba lo msebenzi ndiwenzayo awukudanga kulowo ndandinqwenela uwenza ebomini bam,” utshilo uMbombo.

Eli gatyana lomfana nelihlala kwindlu yalo eBhayi nosapho liyawuncoma umsebenzi eliwenzayo. Uthi yabaziingcinga zakhe esakhula ukulandela esi sakhono, kodwa utata wakhe waye wabanegalelo nangakumbi kuye, ukukhula esoloko emamele utata wakhe kwakuyinto emphilisa yonke imihla leyo nemkhuthazayo.

“Ndiyawuthanda wona kakhulu lo ndiwenzayo umsebenzi nangona ikhona imicelimngeni kodwa iyathwaleka. Sikhona isiganeko esandenza ndaziva ndimkhulu, ngethuba ndifownelwa ziintatheli eziphuma kumazwe afana neNigeria, Zimbabwe kwakunye nase-Australia. Andisabaweli kuphuma kwinkonzo yesipolisa nto nje ndibawela ukukhula apha kuyo,” waleke njalo uMbombo.

EBhayi uhlala nomfazi wakhe uSinobom kunye nonyana wakhe oneminya emibini uOlubanzi. Kowabo nguye kuphela indoda kunye neentombi ezimbini ezimolekelayo.

UGibson Mbombo (62) uhlala kuGatyana, kwaye ugxile kakhulu kwezolimo.