Igqala lomzabalazo likhunjulwa ngoogxa balo

IYAPHOKOKA imiyalezo yovelwano kusapho legqala lomzabalazo wenkululeko yeli uDumisani Mafu.

UMafu obesaziwa kakhulu njengoMazola usweleke ngempelaveki esiphuma kuyo. IANC eMpuma Koloni imchaze njengosihlalo walo mbutho wokuqala kweli phondo emva kokuba iANC ibuyele kweli.

Ngexesha lomzabalazo uMazola udlale indima enkulu kwinkululeko yeli, eli khonkco lomkhosi woMkhonto Wesizwe owawusemfihlakalweni kweli, neenkokeli zeANC ezazizinze eLusaka eZambia.

Ugxa wakhe emzabalazweni uMzoxolo Stokwe ubalule indima edlalwe nguMazola kwidabi lenkululeko yeli.

Uthe, “Ndaqala ukudibana naye e-Angola eyinkumanda yenkampu yoMkhonto Wesizwe, saphinda sadibana eTranskei ngexesha likaOperation Vula nalapho inguye inkumanda.”

UStokwe uphinde wamchaza njengendoda eyayithanda ukubonwabisa ngamabali oyolo ngethuba bekunye kwidabi lenkululeko besebenza emfihlakalweni.

Uqhube wathi, “Ngethamsanqa siphinde sasebenza kunye kukhuseleko lombutho weANC emva kokuba sibuyele ngaphakathi kweli. Sakhe salahlekwa ngubawo uMandela elalini, samkhangela, ukulahleka kwenkokeli iphantsi kokhuseleko lwenu yayiyinto embi kakhulu.”

Inkokeli yeUDM uBantu Holomisa umchaze njengenkokeli eyayihlakaniphile, ezinikele emzabalazweni wenkululeko yeli. Kumyalezo awubhekise kolu sapho uHolomisa uthe, “Akukho mntu unokulithatha kuni ihlaba enilivayo, ngaphandle koMdali obesinike uMazola waphinda wamthatha.”

OkaHolomisa uthe isikhewu esishiywe nguMazola kwipolitiki yeli sikhulu kwaye ngumceli mngeni ukusivala.