Igqala lomzabalazo liye kwamanye amagqala

Igqala lomzabalazo uAndrew Mlangeni umfanekiso :Phando Jikelo/African News Agency(ANA)

Ungowokugqibela obesaphila kumabanjwa etyala eliyindumasi laseRivonia. Ukubhubha kwakhe kuthetha ukuba loo ndumasi ishiyeke njengembali ngoku.

Lowo nguAndrew Mlangeni obhubhe ngentseni yayizolo emva kokungeniswa kwisibhedlele sasePitoli, iOne Military Hospital, ekhala ngesisu esingamphethanga kakuhle.

Isithwalandwe, itshantliziyo kwezopolitiko kwanegqala kumzabalazo weli lizwe, uMlangeni unembali engenakubaliswa ngemini enye.

Abaninzi bamchaza njengendoda ebineengcebiso, ithanda ukuchuba isikhwebu nabo basondele ecaleni kwayo.

Kwinyanga ephelileyo uMlangeni ebegqiba iminyaka engamashumi alithoba anesihlanu (95) ubudala.

UMongameli Cyril Ramaphosa uye wathabatha inxaxheba kuloo mibhiyozo ekunye nobesakuba nguMongameli uThabo Mbeki kwanobesakuba yinkokheli yeIFP uMangosuthu Buthelezi.

“Ukubhubha kukaAndrew Mokete Mlangeni luphawu lokuphela kwebakala elithile labantu kwaye oko kubeka ikamva lethu emagxeni wethu.

“Ubomi bukaBab’ uMlangeni bebungumzekelo owodwa wobuqhawe nondiliseko. Kulo lonke ixesha lokuphila kwakhe ebengumfuziselo wesikhokelo esingundoqo kwaye enenkathalo ngabantu belizwe lakowabo. Iingcinga zam zikusapho lwakhe,” utshilo uRamaphosa.

Umbutho iANC uchaze ukubhubha kukaMlangeni njengokuwa komthi omkhulu, watsho usithi uza kuqhuba nemisebenzi ebisondele kwintliziyo yeli gqala.

Inkokheli yeUDM uBantu Holomisa naye udlulise amazwi ovelwano kusapho nakumaqabane kaMlangeni. “Ndaqala ukudibana neli gqala lomzabalazo ngo1989 eMthatha ngethuba sibamkela besandul’ ukuphuma eluvalelweni. UMlangeni endimaziyo ebengumntu othobekileyo. Xa sidlala igalufa bendiye ndimqhule xa endityile, ndimbuze ukuba wayifundela phi kuba eRobben Island kwakungekho galufa,” utshilo uHolomisa.

UMlangeni wanikwa isithsaba seSeaparankwe/Isithwalandwe ngo1992, nelilona wonga elinikezwa yiANC kwabo benze igalelo kumzabalazo wesizwe. Ngo1999 uMlangeni wanikwa iwonga lePresidential Order for Meritorious Service: Class 1: Gold elinikwa ngobesakuba nguMongameli uNelson Mandela.

UMlangeni uzalelwe eSoweto. Ngo1960 wazimanya ngeqhina lomtshato noJune Ledwaba, obhubhe ngonyaka ka2001. UMlangeni ebenabantwana abane.

Abanye kwabo babebanjwe noMlangeni eRobben Island nguNelson Mandela, Walter Sisulu, Govan Mbeki, Raymond Mhlaba, Ahmed Kathrada, Elias Motsoaledi, James Kantor noDenis Goldberg.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za