Igqiba unyaka iBT Ngebs City eMthatha

Olona dederhu lweevenkile lukhulu kwaye lukumgangatho ophezulu iBT Ngebs City kumbindi wedolophu yaseMthatha izakube ibhiyozela unyaka wayo ngoMgqibelo.

Kule mibhiyozo kwakube kukho nentaphane yamabhaso apho ababini abantu bazakugoduka neenkomo. Izigubha zamabhaso ezingayiwayo, nezizokuqala kolu dederhu lweevenkile, zikhethwe ngeenjongo zokufanela uninzi (malunga ne99%) lwabantu abathetha isiXhosa abakwindawo eyayifudula isaziwa njengeTranskei nabakhonzwe yiBT Ngebs.

Olu dederhu lweevenkile laseMpuma Koloni, olukumlinganiselo we60 000m2 kumbindi waseMthatha sele lutyelelwe sisigidi sabantu kwiinyanga ezine nje emva kokuba luvuliwe kwaye bamalunga nesiqingatha sesigidi abathengi abathenga apha rhoqo ngenyanga. Umlawuli jikelele weBT Ngebs uLolo Sabisa, uthi kungoku nje wonke umntu, abasebenzi kuquka nabathengi, abawuvali umlomo bethetha ngolu dederhu.

“Kwimibhiyozo yethu yokugqiba kwethu unyaka, sigqibe ekubeni senze into eyahlukileyo ezakuthi ibenegalelo elikhulu kubathengi bethu. Iinkomo zezona zinto zibalulekileyo kwinckubeko yethu nasemva emakhaya. Oku akuzange khe kwazanywa ngaphambili, abathengi bethu bangxamile.”utshilo uSabisa

USabisa udize ukuba iinkomo ezo zakube ziphunyelelwe ngabantu ababini zizakuphuma kwifama leyo zithengwe kuyo zithuthwe zisiwe ngqo kwikhaya lalowo uxhamlileyo azizukuvezwa esidlangalaleni, kwaye naseBT Ngebs azizokuya.

“Sukela oko sivulile kunyaka ophelileyo, sele sizise ezinye zeevenkile ezinempahla ezikumgangatho ophezulu zefashoni ezifana noBorgart Man. Kwaye siye saphinda sabaliziko lokuqala ukuba ne- Wi-Fi. Amagama amakhulu evenkile afana noMRP Home kwakunye noWinston Sahad basandulukungena kutsha nje, ooGlocell noMusica.” Wongeze ngelo uSabisa

Ukanti kolu dederhu lweevenkile ezingapha kwekhulu kulindeleke ukuba nesebe lePosi lingene nalo njengoko likuluhu lwezinye zeevenkile ezizayo.

Ezinye zeendaba ezimnandi ubungazazi ngeeBT Ngebs, kukuba sele kugqityezelwa ulwakhiwo lwehotel ifour-star kwase BT Ngebs nekulindelekee ukuba ivulwe ngokusesikweni xa kuphela lo nyaka. Oku kungentsebenziswano yabotyalo mali baseMthatha abafana noBillion Group kwakunye neRebosis Property Fund.

Wena useMthatha okanye kwiziphaluka ungaphoswa hambokuzifumanela intaphane yamabhaso azakufumaneka ngaphandle kweenkomo. Izakufumaneka iAirtime, iipasele zokutya, kwakunye nevawutsha yokuzicoca exabisa iR3 000.

Ngoku ekufuneka ukwenzile kukuba uthenge ngemali engapha kweR200 kwenye yeevenkile eziseBT Ngebs uzokwazi ukuphumelela. Amagama abo baphumelelyo akupapashwa ngolu suku lukhulu lokubhiyoza uMgqibelo ngentsimbi yesine eWoolworts Court.

Uluntu luzakonwatyiswa ziimvumi zasekuhlaleni, lumamele nemibongo lubukele nabadanisayo, lo gama bezakubanayo nenyhweba yokufumana ikhekhe elinkulu elingazange labonwa eMthatha elenziwe ngabakwa Cherkers.