Igqirha lidlwengule egameni lokunyanga

Igqirha lakwaBhaca (Mount Frere) ligwetywe ubomi entolongweni, izihlandlo ezibini eziphindeneyo, emva kokufunyanwa linetyala lokudlwengula intwazana eselula kulandela ukuyiqhatha lisithi liyayinyanga.

Phambi kokuwiswa kwesi sigwebo, inkundla yengingqi yakwaBhaca ive ukuba eli gqirha, uSikhusele Makambi (32) waseMbodleni, wayeneqela lomxhentso apho kwakuquka namantombazana.

Kwakungenyanga yeSilimela koka-2015 ngethuba uMakambi eqhatha enye yeentwazana zeli qela lakhe lomxhentso, ekwiminyaka elishumi elinesihlanu, esithi ufuna ukuyinyanga ukuze ifak’ umfutho namandla kweli qela. Wayibizela bucala, kanti ufuna ukuyidlwengula.

Inkundla ikwave ukuba emva kwesi sehlo, uMakambi waphinda wabizela bucala le ntwazana – wayidlwengula kwakhona.

Le ntwazana yade yakhulelwa ngenxa yoku, ze unina wayo wabuza utat’ omntwana.

“Lathetha inyani ixhoba lisithi lidlwengulwe leli gqirha. Emva kokuba kuvulwe ityala lodlwengulo, isisu sexhoba sakhutshwa kodwa lenziwa uvavanyo ze kwafumaniseka ukuba ngenene umntwana ngoweligqirha,” utshilo uLuxolo Tyali, isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA).

UTyali uthi isiphakamiso sommangalelwa sokuba wayevumelene nokwabelana ngesondo nexhoba siye sakhatywa yinkundla.

Umtshutshisi uChumile Mkentane nguye obongoze inkundla ukuba imgwebe ubomi lo kaMakambi, kuba esithi wabelane ngesondo nomntu osengaphantsi ngokweminyaka. UTyali uthi iNPA iyasamkela esi sigwebo.