Igqiyazana leMpuma Koloni kumboniso omtsha weSABC 1

UKayise Ngqula ozakudlala kumdlalo omtsha weSABC 1 kule mpelaveki. Umfanekiso: Uthunyelwe
Eminyaka nje engama-25 ubudala, uKayise Ngqula sele ezenzela igama nodumo kumabonakude woMzantsi Afrika.

Emva kokuvela kwiintengiso ezimbalwa kumabonakude, wathi -tshe nakwisizini yesibini ye-It’s Complicated kwiMzansi Magic kunyaka ophelileyo, ngoku uzakudlala indima ephambili kumdlalo omtsha weSABC 1.

Lo mdlalo mtsha obizwa ‘Mina Nawe’ noyiComedy Drama ngezothando, uzakuqala kwiSABC 1 nge-14 kuCanzibe 2017. Kulo mdlalo uNgqula uzakudlala indima kaPortia.

Encokolela I’solezwe ngendima yakhe entsha: “Andinakuthetha ngayo okwangoku, kodwa endinokuxelela kona kokokuba ndizakudlala indawo kaPortia.

Ukrele-krele, unomtsalane kwaye uyayazi into ayifunayo.

“Nangona nje emhle, enokuzithemba ngesiqu sakhe, kodwa ngamany’ amaxesha akanabo ubugorha bokuzimela.

“Kuzakufuneka ubukele ukuze uzokumazi kwaye ubone nohambo lwakhe ebalini,” utshilo.

UNgqula, izibulo elolekelwa ngoobhuti ababini, wazalelwa kwidolophu yaseMonti kwiMpuma Koloni, waze akuba neminyaka nje esithoba ubudala – wafudukela kwiphondo laseGauteng apho akhuliswe khona ngumama wakhe.

Eli gqiyazana lidize ukuba zange lifumane qeqesho lokudlala kwimiboniso. “Le yeyona nto ndandiyizalelwe kwaye ndenza yona ngoku. Ndiman’ ukuzifundisa ukuba ngcono koko ndikwenzayo ukuze ndigqwese kuko.”

Kodwa nangona elithanda kakhulu iqonga lokulinganisa kwimiboniso, uveze nokuba uyawuthanda umculo, ukupheka nokukhenketha amazwe.

“Ndenza isidanga seB.A Degree in International Relations. Esi sidanga sithunuke uthando lwam lokutyelela amazwe akwizwekazi le-Afrika,” uthethe watsho.

UNgqula akalibalanga ukusixelela abo bamtsale umdla kweli qonga. Uthi uAngela Bassett noGabrielle Union bahamba phambili kwimiboniso yamazwe asemzini – ngelixa uNomzamo Mbatha kunye noThuli Thabethe bemenzela kakuhle apha ekhaya.

Uthi akukhange kube lula ukufumana le ndima.

“Ndiye kuvavanyo [auditions] njengaye nawuphina umntu. Andinako ukuthi bekulula ngokuba eneneni zange kubelula. Ndikhuphe onke amandla endinawo – ndiqinisekile ukuba yiloo nto endenze ndayifumana le ndima.”

UNgqula uthi angathanda ukukhunjulwa njengenenekazi ebelibambe isidima somsebenzi, elisebenza nzima, elizithobileyo, elinetalente yobugorha – elingavumelanga mqobo ekufezekiseni amaphupha walo.

Ubalise wathi umama wakhe ngumlandeli wakhe omkhulu noxa wayekhe ababona ngasonye ngokukhetha kwakhe iqonga lolonwabo.

“Wade wabe ngumlandeli wam omkhulu. Kwamanye amaxesha uyandikhapha xa ndisiya kuvavanyo- zakhono [auditions] ade andinqwenelele okuhle.”

Ubalule nomalume wakhe, umeluleki-sakhono wakhe uDicksy Ngqula, owayekade engumsasazi kamabonakude nonomathotholo.

“Undifundise konke endifanele ukwazi ngeli qonga neshishini lezolonwabo, kwaye ekwandiqinisekisa ukuba ndinganguye nabani endifuna ukuba nguye.”

Le nzwakazi igqibe ngelithi ukuba bekunokunikwa italente entsha ithuba, singothuka sisakhono sobugcisa esinokuphuma apho.

Ungalandela uKayise Ngqula kwiFacebook: Kayise Ngqula / Amara Nnaya;

Instagram: @mara_nnaya; ze kuTwitter umlandele ku: @misskaybaybay.

IMina Nawe izakudlala kwiSABC 1 ngo19h30.