Igqiyazana libanjelwe ubusela bemfuyo

Imfuyo efunyenwe kwikhaya legqiyazana eBajodina kuQumbu umfanekiso: Amapolisa

OWASETYHINI ojongene netyala lokuba imfuyo kwilali yakuBajodina kuQumbu, kulindeleke ukuba aphinde abuyele kwakhona kwinkundla yamatyala xa kuphela le nyanga.

Ngokwengxelo, lo wasetyhini onamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala, ubanjwe ngamapolisa aseMthatha emva kokuba eve umkhondo wokuba kukho nkosikazi ethile egcine iigusha ezilishumi elinesithathu kwikhaya layo.

Isithethi samapolisa ala mmandla uMzukisi Fatyela, uthi lo wasetyhini ubanjwe ngomhla wesithoba kule nyanga, ze wavela phambi kwenkundla yamatyala kuQumbu ngomhla weshumi, nalapho aye wakhululwa ngebheyile yamawaka amane eerandi (R4 000).

Ulindeleke ukuba abuyele kwakhona kuMvulo weveki esijonge kuyo.

Ulwazi malunga nokubanjwa kwale nkosikazi luza emva kokuba umfana onamashumi amabini anesibini (22) ethe wabanjwa naye, ebanjelwa ukuba imfuyo, ze emva koko waxela ukuba akayedwanga kulo mkhuba wobusela bemfuyo, nalapho athe wachaza ukuba le mfuyo ebeyiba nale nkosikazi.