Igqiyazana lifunyenwe nompu neziyobisi

Ziye zisonyuka iziganeko zabantu basetyhini abathi babandakanyeke kulwaphulo mthetho mvanje.

Oku kulandela emva kokuba intwazana enamashumi amabini anesithandathu ubudala (26) yelali yaseUpper Gwadu kuGatyana, ithe yabhaqwa inompu ongenazo iimpepha-mvume kuquka nokubane ziyobisi eziluhlobo lweMandrax ezixabisa imali engange-R5000.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha, umrhanelwa ubanjwe kwikhaya lakhe eUpper Gwadu ngeCawa umhla wesibhozo emveni kwemini.

“Amapolisa aye ahletyelwa ekubeni kukho intwazana enompu ongekho mthethweni nalapho baye bafumana neziyobisi. Umpu lo ufunyenwe ungenazo iimbumbulu kuwo ngaphakathi,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa uza kuvela kwinkundla yamatyala kungekudala ngetyala ajongene nalo lokufunyanwa enompu kwakunye neziyobisi.

abongile.ginya@inl.co.za