Igqiyazana lizisa uncuthu eluntwini

ULuchulumanco Gugushe weLuchulumanco Music Ministries

ULuchulumancO Gugushe (26) ohlala eBhisho, uthi ukuthanda kwakhe ukunceda nokuzisondeza eluntwini kuko okumqhubela ekubeni abe ngumntu onomdla ekuziphuhliseni.

“Ukuthanda kwam abantu kuyenye yeendlela endiziqhuba ngayo ukuba ndenze ngcono, ukuze bakwazi ukufunda kum.”

Le nzwakazi, eyimvumi yomculo weGospile, isithethi esikhuthazayo kwakunye nosomashishini, ikwayiyo nesungule iLuchulumanco Music Ministry ayisungule kulo nyaka, nalapho abonakalisa izakhono zakhe kwakunye nezabantu abakweli phondo leMpuma Koloni.

Ngomhla we16 kule yeNkanga unomnyhadala awubiza ngeIntimate Praise and Worship Show eza kubanjelwa eQonce eHemmingways Guest House and Conference Centre ngemali engangeR150.

UGugushe uthi ulindele abantu abangamashumi amahlanu kuphela. “Umntu oye wathabatha inxaxheba angalindela uncuthu lomculo, ukukhuthazwa, ukuhlekiswa, ukanti zikwakhona nezimuncumuncu eziza kubakho.”

Eli gqiyazana lithi liye lancediswa zizifundo zalo zeMarketing and Communications elizifunde eWalter Sisulu University, apho lafumana isidanga seB-Tech, ukuba libe neendlela zokunxibelelana ngcono nabantu kwaye kwiminyaka emihlanu ezayo uzibona encedisa abantwana abahlelelekileyo kwizifundo zabo.